Ukuqala Ubudlelwane NoYesuIsampulu

Beginning A Relationship With Jesus

Usuku 5 LWE 7

"Isazisi Esitsha"

Ilungelo lokuba ngabantwana bakaThixo lenziwa lafumaneka nguYesu, kwaye iindaba ezimnandi zezokuba ngenxa kaYesu, uThixo ngoku uthetha into enye ngathi naleyo wayithetha ngoYesu. Uyilungele? Nantso ke: “UnguNyana wam endimthandayo; ndikholisiwe nguwe” (UMarko 1:11).

Ngenxa kaYesu, uThixo uthetha into enye ngawe naleyo wayithethayo ngoYesu. Kule ngxelo inye, uThixo usinika ubungqina obumangalisayo bokusilela kwezazisi esiziva sonke—umnqweno onzulu wokufuna ukuba sezintweni, uthando, nokukholisa. Qaphela izinto ezintathu ezahlukeneyo kule ngxelo yesithembiso:

1. Wena unguNyana Wam ...

Xa uThixo esithi, “UnguNyana wam,” uzifanisa nathi. Uthi ufuna ukunxulumana nathi, ukuba sikunye.

Eyona nto ibalulekileyo kolu phawu lutsha kukuba singabantu uThixo akholiswayo kukunxulumana nabo. Uthi, “Ewe, yintombi yam leyo; ngunyana Wam lowo.” Akaze azahlule kuthi xa sele singabantwana bakhe. Kumnandi kakhulu ukuba abe nobubele, nangona ngamanye amaxesha siziphatha kakubi!

2. Endimthandayo …

Maxa wambi kulwalamano nosapho, sisenokungasoloko sikholisana, singasathethi ke ngokuthandana. Ukuba unelungu losapho ongalithandiyo, unokuziva ngathi, Ewe, kufuneka ndibange ukuba ungumntakwethu, kodwa andikholwa nguye.

Kodwa uThixo akanjalo. UThixo akapheleli nje ngokuthi, “Ewe, ngunyana wam lowo,” kodwa Uyabanga, “Ndiya mthanda lo nyana. Unothando lwam. Intliziyo yam i kunye naye kwaye yeyakhe nqo.”

3. Ndikholisiwe nguwe.

UThixo usigqibezela esi sithembiso ngokongeza athi, “Ndikholisiwe nguwe.” UThixo owabeka iinkwenkwezi endaweni uthi unebhongo ngawe. Hayi omnye umntu—kodwa wena.

Njengoko sikhulela ekuqondeni ubunzulu bentliziyo kaThixo ngathi, ezi ziqinisekiso ziqala ngokuzalisa iindawo ezisilelayo kwimiphefumlo yethu. Zonke ezo zinto besizenza ukujonga ukuqinisekiswa, ukuzama ukubaluleka, ukuziva ubalulekile, ukunconywa, ukucingelwa kakhulu-ngoku sinempendulo. Kwaye hayi esuka ebantwini, hayi kwizinto eziphathekayo ezingazalisi iintliziyo zethu, hayi kwitayitile okanye izikhundla ... kodwa ivela kuThixo.

Usuku 4Usuku 6

Malunga nesi Sicwangciso

Beginning A Relationship With Jesus

Ngaba usaqala ukukholwa kuYesu Krestu? Ngaba uyafuna ukwazi ngakumbi ngobuKristu kodwa awuqinisekanga ukuba—okanye njani—ungabuza ntoni? Uze uqale apha. Ithatyathwe kwincwadi ethi "Start Here" nguDavid Dwight kunye noNicole Unice.

More

Sithanda ukubulela uDavid Dwight, uNicole Unice kwakunye no David C Cook ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: http://www.dccpromo.com/start_here/