Ukuqala Ubudlelwane NoYesuIsampulu

Beginning A Relationship With Jesus

Usuku 7 LWE 7

"Ngoku kuthweni?"

Ukuba ngumKristu kuthetha “ukuba ku” Yesu. Ngokucacileyo, uqala ubomi "bokuhlala" kuYe "nokuzinza" kuye. Kuthetha ukuthini oko? Kuthetha ukuba ufune ukukhula ebudlelwaneni bakho naye ngokuzisa intliziyo, umphefumlo, ingqondo namandla akho ngokupheleleyo kubudlelwane (UMarko 12:30; ULuka 10:27)..

Nazi iindlela ezintlanu zokuhlala “ebudlelwaneni” noYesu Kristu:

Ngokunxulumana namanye amaKristu

Icawa ngabantu abaye bangena ebudlelwaneni noYesu kwaye ngoko baye baxolelwa nguYesu kwaye bafuna ukuphilela uYesu. Ukukhula ebudlelwaneni bakho noYesu kuncedwa kukuhlala usecaweni. Kulapha ebandleni, namanye amakholwa, apho sifunda khona, sikhule, sibuze imibuzo, sikhonze, sifune kwaye simnqule uThixo kunye.

Ngokukhokelwa nguThixo ngokufunda iBhayibhile

Njengoko ukhula kubudlelwane bakho noYesu Kristu, uya kuqalisa ukufunda ngakumbi ngeBhayibhile. IBhayibhile iliLizwi likaThixo, kwaye yenye yezona ndlela zibalulekileyo azityhile ngayo kunye nomnqweno wakhe nenjongo yakhe ngobomi bethu. Okukhona usazi iBhayibhile, kokukhona uya kumazi uThixo ngokwaKhe.

Ekuncokoleni noThixo ngomthandazo

Injongo yomthandazo iyafana nenjongo yezinye iincoko eziqhutywa ngabom: ukukhula kunye ebudlelwaneni obunentsingiselo. Oku kuthetha ukuba umthandazo ugubungela inani elibanzi lezihloko. Umthandazo ubandakanya ukwabelana ngezimvo, ukumamela, ukubuza imibuzo, ukucela uncedo, ukuvakalisa ukuze uqondwe, ukuvuma izono nokucela uxolo, ukuthi enkosi, okanye ukuba kunye nje.

Ekuthatheni amanyathelo ngokukhonza

Ukuthatha inyathelo ngokukhonza, ngokukhathala, ngokuphumela ngaphandle uye ebantwini kukubonakalisa intliziyo yothando lukaThixo ebantwini, kwaye ikwayindlela ebalulekileyo yokuba uya kukhula ebudlelwaneni bakho noYesu. Ngoba? Kungenxa yokuba uYesu wakwenza oku. UYesu wathi, “Kuba kwanoNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kukhonza” ( UMarko 10:45).

Ekubonakaliseni uthando kuThixo ngokumnqula

Ukunqula kukubonakalisa umbulelo nokuxabisa nokumangala kuThixo. Unqulo lunokwenziwa umntu eyedwa okanye ebaleni lemidlalo namawaka abanye. Lunokwenzeka kwisakhiwo secawa okanye kwithafa lentaba. Unqulo kukuzityanda igla phambi koThixo ngokwenene nangolunyanisekileyo.

Ukuba usonwabele esi sicwangciso kwaye ungathanda ithuba lokuphumelela yonke incwadi evela ku, cofa apha

Usuku 6

Malunga nesi Sicwangciso

Beginning A Relationship With Jesus

Ngaba usaqala ukukholwa kuYesu Krestu? Ngaba uyafuna ukwazi ngakumbi ngobuKristu kodwa awuqinisekanga ukuba—okanye njani—ungabuza ntoni? Uze uqale apha. Ithatyathwe kwincwadi ethi "Start Here" nguDavid Dwight kunye noNicole Unice.

More

Sithanda ukubulela uDavid Dwight, uNicole Unice kwakunye no David C Cook ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: http://www.dccpromo.com/start_here/