Ukuqala Ubudlelwane NoYesuIsampulu

Beginning A Relationship With Jesus

Usuku 1 LWE 7

"Imigaqo o. Ubudlelwane"

Ukuba ukhangela ngokukhawuleza ingcaciso ngobuKristu, usenokufumana okuthile ‘ngokulandela iimfundiso zikaYesu. Yinyaniso leyo—ubuKristu bumalunga nokulandela iimfundiso zikaYesu. Ingxaki kukuba uninzi lwabantu lujika umbono “wokulandela uYesu” ube “kukulandela imithetho”—kwaye akumelanga kunjalo.

Ibali leBhayibhile likwenza kucace ukuba eyona nto ikukwazi uYesu bubudlelwane, hayi imithetho. Njengoko uqalisa ukuphonononga oko uThixo asixelela kona ngaye eBhayibhileni, uya kufumanisa ukuba ubudlelwane obunothando nokuzinikela kuye yeyona nto iphambili.

Ngoko ke ukuthi owona mbono wobuKristu kukulandela amanqaku okufundisa kufana nje nokuthi owona mbono womtshato kukwabelana ngendlu nezezimali kuphela. Oko akusiyonto siyinqwenelayo ngebali elikhulu lothando!

Lombono wemithetho okanye ngokuchaseneyo ubudlelwane ngumahluko omkhulu owahlula ubuKristu kwezinye iinkolo. Apho iinkolo ezininzi zifundisa ukuba indlela “yokulunga” kungoqheliselo olufunekayo kunye neenkolelo ezingqongqo, ubuKristu buqala kwindawo eyahlukileyo.

Ukususela kumaxesha amandulo, abalandeli bakaYesu babengaziwa ngokulandela imithetho okanye “ukuba ngabalungileyo.” Into eyathi nca—into eyayifanele ikhankanywe—yinyani nje yokuba “babekunye noYesu” (IZenzo 4:13). Asikuko ukuba babevuma uYesu, kungekhona ukuba babelandela inkqubo kaYesu yokuziphatha, kodwa “bakunye” Naye.

Ukuba kunye noYesu kuko okwabaguqulayo aba bantu, basuka koko iBhayibhile ikubiza ngokuba "ngabantu abangafundanga, abaqhelekileyo" baba ziinkokeli ezinesibindi nezikhaliphileyo. Kwaye yinyani efanayo esiyinikwayo xa uYesu esimema ebudlelwaneni: ukuba "sibe kunye naye.”

Usuku 2

Malunga nesi Sicwangciso

Beginning A Relationship With Jesus

Ngaba usaqala ukukholwa kuYesu Krestu? Ngaba uyafuna ukwazi ngakumbi ngobuKristu kodwa awuqinisekanga ukuba—okanye njani—ungabuza ntoni? Uze uqale apha. Ithatyathwe kwincwadi ethi "Start Here" nguDavid Dwight kunye noNicole Unice.

More

Sithanda ukubulela uDavid Dwight, uNicole Unice kwakunye no David C Cook ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: http://www.dccpromo.com/start_here/