Ukuqala Ubudlelwane NoYesuIsampulu

Beginning A Relationship With Jesus

Usuku 6 LWE 7

"Ngubani na uThixo??"

Ukuqonda izinto ezimbalwa eziphambili ngoThixo kuya kukunceda njengoko uqala ukumlandela. Makhe sithethe ngeempawu ezine zikaThixo:

UThixo ungunaphakade

UThixo usebenzisa lonke igama elikhoyo ukuze azichaze njengongaphandle kwexesha: uyakuhla ekho, kude kubesemaphakadeni, ngonaphakade, ukho, wayekho, kwaye lowo uzayo. UThixo unaphakade. Okungunaphakade akuthethi ngokwenene, ixesha elide ngokwenene. Lithetha "ukungaphelelwa lixesha." Lithetha “ngaphandle komlinganiselo wexesha.”

UThixo uyafikeleleka

IBhayibhile ifundisa kwiindawo ezininzi ukuba uThixo ukho njengeziqu ezithathu ezimanyeneyo ngokugqibeleleyo. Oku kubizwa ngokuba uziqu zithathu. Kunokuba abe nguThixo oyedwa, uThixo weBhayibhile nguThixo uYise, uThixo uNyana (uYesu Kristu), noThixo uMoya Oyingcwele. Bangabantu abathathu abahlukeneyo, kodwa baphila kwaye basebenze bemanyene ngokugqibeleleyo.

UThixo ugqibelele

UThixo akanasiphako yaye akafuni kuphuculwa. Akaswele nto—ubuntu bakhe, ubunyulu, ulwazi, amandla okanye ubuchule. Ngokukodwa, ngokwahlukileyo kuthi, uThixo ugqibelele ngokuziphatha. IBhayibhile ithi: “UThixo ukukukhanya; akukho bumnyama kuye nakanye” (1 kaYohane 1:5).

uThixo ngu "Onke"

UThixo ungu kho-ndawo-zonke, Yena ungu mandla-onke, kwaye Yena ngu kwazi-konke. La magama athetha (ngolungelelwano) ukuba uThixo “ukho kuzo zonke iindawo,” ukuba “unamandla onke,” nokuba “wazi konke.” Unako ukubakho kuyo yonke indawo ngaxeshanye, Unamandla phezu kwezinto zonke, kwaye Wazi zonke izinto.

Ngoko kutheni konke oku kubalulekile?

Ukuqonda unaphakade kaThixo kundinika ithemba. Ukwazi ukuba ungumntu wobudlelwane kuthetha ukuba ndingaqalia incoko kunye Naye. Ukwazi uThixo ugqibelele kuthetha ukuba naxa ndingaqondi, ndinokumthemba uThixo. Kwaye ukwazi ukuba ukuko konke kuthetha ukuba nguye ophethe amandla, ukuba akasishiyanga sodwa, kwaye yonke into embi iya koyiswa.

Ngoko ke ngubani uThixo? Nguye okwenzileyo, Nguye okuthandayo ngaphaya kwamaphupha akho angalawulekiyo, kwaye Nguye owanikela ngoNyana wakhe, uYesu Kristu, ekufeni ukuze abe nobudlelwane obungunaphakade nawe..

Ukwazi uThixo kuyayitshintsha indlela esibajonga ngayo abantu—siqalisa ukubajonga njengemiphefumlo engunaphakade, hayi imizimba yokwexeshana.

Ukwazi uThixo kusinceda sijamelane neengxaki ngendlela eyahlukileyo. Ukwazi uThixo kuthetha ukuba singaze sivakalelwe kukuba ubomi abusalawuleki. Ukwazi uThixo kusibeka ekuthobekeni nakwinjongo. Ukwazi uThixo kwenza ubomi bube nentsingiselo.

Usuku 5Usuku 7

Malunga nesi Sicwangciso

Beginning A Relationship With Jesus

Ngaba usaqala ukukholwa kuYesu Krestu? Ngaba uyafuna ukwazi ngakumbi ngobuKristu kodwa awuqinisekanga ukuba—okanye njani—ungabuza ntoni? Uze uqale apha. Ithatyathwe kwincwadi ethi "Start Here" nguDavid Dwight kunye noNicole Unice.

More

Sithanda ukubulela uDavid Dwight, uNicole Unice kwakunye no David C Cook ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: http://www.dccpromo.com/start_here/