Ibali lePasikaIsampulu

The Story of Easter

Usuku 6 LWE 7

UMGQIBELO

Umntu obhinqileyo lowo waliqhekeza iqhaga lelitye lelabhastile, wawaphalaza onke loo mafutha aqholiweyo. Wachitha yonke into eyayinexabiso kuye. Ukwaphula iqhaga lakhe ngokufanelekileyo kwashenxisa naliphi na ithuba lokuzigcinela nayiphi na into enoku setyenziselwa yena, ngoko okanye kamva. Wanikela ngayo yonke into awayenayo-ngexesha elidlulileyo, kunye nelizayo-kuYe. UYesu wathi abantu babeya kulikhumbula ngonaphakade uthando lwakhe olumangalisayo. Kwandula ke kwisidlo sangokuhlwa sokugqibela, kwaloo mazwi manye avela kwakhona. Wawuqhekeza umzimba wakhe waza waliphalaza igazi lakhe ngenxa yethu. Kweli ityeli xa ufunda uYesu xa esithi, “Oku kwenzeleni ukundikhumbula,” musa ukuba nomfanekiso-ngqondweni wamaqhekeza nencindi yomdiliya. Jonga umthendeleko njengomfanekiso wento osibizela kuyo. Wayesikhweba ukuba senze into Ayenzayo: saphulwe kwaye sigalelwe. Ngena wonke. Musa ukushiyelela nto. Luyeke ngokupheleleyo ulawulo. Yiloo nto eya kukhumbuza ngokwenene ngento eyenziwa nguYesu. Hayi ukuxabisa isiko, kodwa ukuba sisikhumbuzo. Kufuneka kubonakale njani "ukuqhekezwa nokugalelwa" ebomini bakho?
Usuku 5Usuku 7

Malunga nesi Sicwangciso

The Story of Easter

Ungayichitha njani iveki yokugqibela yobomi bakho usazi ukuba yeyokugqibela? Iveki kaYesu yokugqibela esemhlabeni ekwimo yomntu wenyama yayizela ngamaxhesha angalibalekiyo, iziprofetho ezizalisekisiweyo, umthandazo onzulu, ingxoxo enzulu, izenzo zokomfuziselo, kunye neziganeko ezaguqula umhlaba. Le plani yenzelwe ukuqala ngoMvulo ngaphambi kwe-Pasika, kusuku ngalunye le plani iqulunywe yiLife Church izakuhamba nawe ngebali elizakumangothyilatyhileka kwiveki eNgcwele.

More

Sithanda ukubulela iLifeChurch ngokubonelela ngale plani. Ukuba ungathanda ukufunda ngakumbi malunga neLife.Church, nceda undwendwele: www.Life.Church