UMARKO 14
14
Ababingeleli abakhulu bayabhunga
(UMat. 26:1-5)
1Ke kaloku bekuza kubakho ipasika,• izonka ezingenagwele, emveni kweentsuku ezimbini; baye ke ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangáthini na ukumbamba ngenkohliso, bambulale. 2Babesithi ke, Makungabi khona ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge sabantu.
Isidlo saseBhetani
(UMat. 26:6-13)
3Kuthe eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, akubon' ukuba uhleli, kweza umfazi enehlala lelabhastile,• linamafutha enadusi• engangxengelelweyo, exabiso likhulu; walityumza ihlala elo lelabhastile, wamgalela ngawo entloko. 4Kwaye ke kukho abathile abacaphukáyo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo? 5Kuba la mafutha bekungáthengiswayo ngawo ngenani elingaphezu kweedenariyo• ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu; basuka bamfuthela.
6Uthe ke uYesu, Myekeni; nimaphulelani na? Usebenzé umsebenzi omhle kum; 7kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam. 8Yena ukwenzile abénako; uphange weza wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam. 9Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
Umvuzo womngcatshi
(UMat. 26:14-16)
10UYuda Sikariyoti, omnye kwabeshumi elinababini, wesuka waya kubabingeleli abakhulu, ukuba amnikele kubo. 11Bathi ke bona bakuva bavuya; bambeka ngedinga lokumnika imali. Wayefuna ukuba angáthini na ukumnikela ngexesha elimlungeleyo.
Ipasika yokugqibela nesidlo seNkosi
(UMat. 26:17-30)
12Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, xa bekubingelelwa imvana yepasika, bathi kuye abafundi bakhe, Ùnga singaya kulungisa phi na, ukuze uyidle ipasika? 13Ususa babini kubafundi bakhe, athi kubo, Hambani niye kuwo umzi; nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni. 14Apho athe wangena khona, nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi, Iphi na indlu yabahambi, apho ndingayidlela khona ipasika nabafundi bam? 15Yena wonibonisa igumbi eliphezulu, elikhulu, landlelwe lalungiswa; silungiseleleni apho.
16Baphuma abafundi bakhe abo, baya kungena kuwo umzi, bafumana kunjengoko wayebaxelele, bayilungisa ipasika.
17Uthi kwakuhlwa, eze nabalishumi elinababini. 18Bakubon' ukuba bahleli, bayadla, wathi uYesu, Inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha, lowo ke udla nam. 19Baqala ke ukuba buhlungu, nokuthi kuye ngabanye, Ingaba ndim, yini na? Nomnye wathi, Ingaba ndim, yini na? 20Uphendule ke wathi kubo, Ngomnye kwabeshumi elinababini, lowo ke uthi nkxu nam esityeni. 21UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.
22Bakubon' ukuba bayadla, uYesu wathabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.
23Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke. 24Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi. 25Inene ndithi kuni, Andisayi kubuya ndisele esiqhameni somdiliya, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela sisitsha ebukumkanini bukaThixo.
26Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.
Ukulunyukiswa kukaPetros
(UMat. 26:31-35)
27Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka kum ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu. 28Ke emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili.
29Wathi ke uPetros kuye, Nokuba baya kukhubeka bonke, mna nakanye. 30Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu. 31Kwaba kukhona wathetha wancamisa, esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho ke bonke.
UYesu eGetsemane
(UMat. 26:36-46)
32Bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane. Athi kubafundi bakhe, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndithandaze; 33athabathe naye uPetros noYakobi noYohane. Waqala ukuqhiphuka umbilini, nokudandatheka kakhulu. 34Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde.
35Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo. 36Wayesithi, Abha,• Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe. 37Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda noko lilinye na ilixa? 38Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.
39Wabuya wemka wathandaza, ethetha kwalona elo lizwi. 40Uthe akubuya, wabafumana bebuye balala; kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo; baye bengazi into abangamphendula yona.
41Afike okwesithathu, athi kubo, Lalani ngoku niphumle; kwanele; lifikile ilixa; yabonani, uNyana woMntu uyanikelwa ezandleni zaboni. 42Vukani sihambe; yabonani, lowo undinikelayo usondele.
UYesu uyabanjwa
(UMat. 26:47-56)
43Kwaoko, esathetha, uthi qatha uYuda, owayengoweshumi elinababini, enendimbane enkulu, inamakrele neentonga, isuka kubo ababingeleli abakhulu, nakubabhali, nakuwo amadoda amakhulu.
44Ke kaloku, lowo umnikelayo waye ebanike umqondiso, esithi, Lowo ndithe ndamanga, nguye; mbambeni, nimrhole nimnqabisile. 45Efikile, uye kuye kwaoko, athi, Rabhi, Rabhi;• wamanga. 46Bamsa ke isandla, bambamba. 47Uthe ke omnye wabo babemi khona, warhola ikrele, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqumla indlebe.
48Waphendula uYesu wathi kubo, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, nanga niphumele isihange? 49Bendikuni imihla ngemihla etempileni ndifundisa, anandibamba; kodwa kunje, ukuze zizaliseke izibhalo. 50Bamshiya bonke, babaleka.
51Wayelandelwa yindodana ethile, ithe wambu ilinen entle emzimbeni; asuka ayibamba ke amadodana. 52Ithe yayilahla ilinen entle leyo, yabaleka kubo izé.
UYesu phambi kombingeleli omkhulu
(UMat. 26:57-68)
53Bamrholela uYesu kumbingeleli omkhulu, babuthelana kuye bonke ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nababhali. 54Waza uPetros wamlandela, ebekele kude, wada waya ngaphakathi entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu; waye ehleli phantsi ndawonye namadindala, esotha umlilo.
55Baye ke ababingeleli abakhulu, nayo intlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina ngaye uYesu bokuze bambulalise; bengabufumani. 56Kuba babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye, baye ubungqina babo bungayelelani. 57Basuka abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi, 58Thina samva yena esithi, Mna ndiya kuyichitha le tempile yenziweyo ngezandla, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engenziwe ngazandla. 59Baye bungayelelani kwangokunjalo nobabo ubungqina.
60Wesuka wema phakathi umbingeleli omkhulu, wambuza uYesu, esithi, Akuphenduli nento le na? bangqina ntoni na aba ngawe? 61Wahlala ke yena wathi tu, akaphendula nento. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu,• uNyana waLowo ungowokubongwa? 62Uthe ke uYesu, Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza namafu ezulu. 63Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina? 64Nikuvile ukunyelisa; kunjani kuni nina?
Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe. 65Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; ayé amadindala emtywakraza.
UPetros uyamkhanyela uYesu
(UMat. 26:69-75)
66Kuthi ke, akubon' ukuba uPetros usentendelezweni ngezantsi, kuze omnye umkhonzazana wombingeleli omkhulu, ambone uPetros esotha, 67ondele kuye, athi, Nawe ubunaye uYesu waseNazarete. 68Wakhanyela ke esithi, Andiyazi, andiyiqondi kanye into oyithethayo wena. Waphuma waya phandle kwengaphambili intendelezo; yalila ke inkuku.
69Umkhonzazana ubuye wambona, waqala ukuthi kwabo babemi khona, Lo ngowakubo. 70Waphinda ke wakhanyela. Kuthe, kwakuba mzuzwana, babuya abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, ùngowakubo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo. 71Waqala ke ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu nimthethayo. 72Yalila okwesibini inkuku. Walikhumbula ke uPetros ilizwi, abelithethile uYesu kuye, lokuthi, Ingekalili inkuku kabini, uya kundikhanyela kathathu. Wathi akucinga, walila.
Currently Selected:
UMARKO 14: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.