Ibali lePasikaIsampulu
ULWESITHATHU
UYesu wayenesicelo sokugqibela phambi kokuthi akatswe. Wayeyazi into ejongene naye ngosuku olulandelayo, kodwa umthandazo wakhe wokugqibela wayengazithandazeli, kodwa wayethandazela wena. Esithandazela sonke singabantu ngabantu. UYesu wathandazela abalandeli bakhe. Umthandazo kaYesu ngumzekelo omhle osibonisa uthando lukaThixo kuthi. Yiba yimpendulo kumthandazo kaYesu kule veki. Bhekisisa umthandazo kaYesu umgca ngomgca ubona indlela ongazenza ngayo ube yimpendulo. Kule mpela veki, njengoko iBandla leHlabathi limanyene ukubhiyozela ukuvuka kwakhe, masikhangele iindlela zokuba kunye noThixo kunye nomanyano phakathi kwwethu. Yenza lo mthandazo kaYesu ibe ngumthandazo wakho, ukuze ihlabathi libubone ubuqaqawuli Bakhe kwaye bamazi ngokumanyana nangothando lukaThixo.

IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Ungayichitha njani iveki yokugqibela yobomi bakho usazi ukuba yeyokugqibela? Iveki kaYesu yokugqibela esemhlabeni ekwimo yomntu wenyama yayizela ngamaxhesha angalibalekiyo, iziprofetho ezizalisekisiweyo, umthandazo onzulu, ingxoxo enzulu, izenzo zokomfuziselo, kunye neziganeko ezaguqula umhlaba. Le plani yenzelwe ukuqala ngoMvulo ngaphambi kwe-Pasika, kusuku ngalunye le plani iqulunywe yiLife Church izakuhamba nawe ngebali elizakumangothyilatyhileka kwiveki eNgcwele.
More
Sithanda ukubulela iLifeChurch ngokubonelela ngale plani. Ukuba ungathanda ukufunda ngakumbi malunga neLife.Church, nceda undwendwele: www.Life.Church