Ibali lePasikaIsampulu

The Story of Easter

Usuku 4 LWE 7

ULWESINE

Zibeke endaweni yabalandeli bokuqala bakaKristu ababelapho ekufeni kwakhe. Intliziyo yakho ibiya kwaphuka. Ingqondo yakho iya kube ibethabethana. Oku ayisiyonto kwaphela efana naleyo bekufanele ukuba yenzeke kuKumkani wamaYuda. Bekufanele alungise yonke into. Alungise into eyaphukileyo. Abuyisele oko kulahlekileyo. Kodwa ngoku, kubonakala ngathi yonke into ilahlekile. Yonke into yaphukile. Akukho nto ilungileyo. Chitha ixesha elithile namhlanje uzama ukuhlala kuloo ndawo phakathi komnqamlezo kunye nengcwaba elingenanto. Emva kokuba ithemba limkile. Phambi kokuba ubabalo lufike. Sebenzisa loo mvakalelo ukuphembelela umthandazo wakho ngomntu omaziyo ohlala apho yonke imihla. Cela uThixo akubonise indlela yokufikelela kubo kwaye ubameme kwimibhiyozo yePasika kule mpelaveki.
Usuku 3Usuku 5

Malunga nesi Sicwangciso

The Story of Easter

Ungayichitha njani iveki yokugqibela yobomi bakho usazi ukuba yeyokugqibela? Iveki kaYesu yokugqibela esemhlabeni ekwimo yomntu wenyama yayizela ngamaxhesha angalibalekiyo, iziprofetho ezizalisekisiweyo, umthandazo onzulu, ingxoxo enzulu, izenzo zokomfuziselo, kunye neziganeko ezaguqula umhlaba. Le plani yenzelwe ukuqala ngoMvulo ngaphambi kwe-Pasika, kusuku ngalunye le plani iqulunywe yiLife Church izakuhamba nawe ngebali elizakumangothyilatyhileka kwiveki eNgcwele.

More

Sithanda ukubulela iLifeChurch ngokubonelela ngale plani. Ukuba ungathanda ukufunda ngakumbi malunga neLife.Church, nceda undwendwele: www.Life.Church