Ibali lePasikaIsampulu
ICAWE
Ngolu suku lumangalisayo, siya kuchitha ixesha sicamngca ngomnqamlezo, ingcwaba elingenanto kunye nako konke esikunikwe zizo. Kodwa kwakhona masicamngce ngomsebenzi olu suku olusibizela kuwo, ukuba “sihambe siyo kwenza abafundi...” Ivangeli enyulu uKristu awayidlulisela kubafundi bakhe yayi ziindaba ezilungileyo zobabalo omaludluliselwe, hayi nje ukuba lamkelwe. UYesu wabashiya abafundi bakhe bexhotyiselwe ukwenza abanye abafundi, ukuze bathwale isiqhamo. Sinokutsho ukuba yasebenza lonto ngenxa yokuba abantu ababebenza abafundi babesenza abafundi nabo. Kwaye ngoko sele idluliselwe ka ngangeminyaka engamawaka amabini. Kodwa mhlawumbi kuzo zonke izizukulwana, ngokuqinisekileyo kwesethu, ngamanye amaxesha ivangeli esiyisasazayo iyaguquka ibe yinto engxengiweyo. Kunokuba sithwale isiqhamo ngokwenene, sihlakulela imidiliya engenambewu. Njengoko sichitha ixesha sinqula kwaye simbulela uThixo namhlanje ngenxa yobabalo esilufumeneyo, masithandazele ukuba sitshutshumbiseke ngakumbi kunangaphambili ukuba sidlulisele olo babalo kwaye siphile uMyalelo oMkhulu.

IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Ungayichitha njani iveki yokugqibela yobomi bakho usazi ukuba yeyokugqibela? Iveki kaYesu yokugqibela esemhlabeni ekwimo yomntu wenyama yayizela ngamaxhesha angalibalekiyo, iziprofetho ezizalisekisiweyo, umthandazo onzulu, ingxoxo enzulu, izenzo zokomfuziselo, kunye neziganeko ezaguqula umhlaba. Le plani yenzelwe ukuqala ngoMvulo ngaphambi kwe-Pasika, kusuku ngalunye le plani iqulunywe yiLife Church izakuhamba nawe ngebali elizakumangothyilatyhileka kwiveki eNgcwele.
More
Sithanda ukubulela iLifeChurch ngokubonelela ngale plani. Ukuba ungathanda ukufunda ngakumbi malunga neLife.Church, nceda undwendwele: www.Life.Church