Ibali lePasikaIsampulu

The Story of Easter

Usuku 1 LWE 7

UMVULO

Esi sicatshulwa sibonisa enye yeenjongo eziphambili zobomi bukaYesu emhlabeni, ukuba ngumzekelo womntu wendlela uThixo afuna siphile ngayo. UYesu wathi, "Yenza njengoko ndenzayo." Elona candelo lingummangaliso lalo myalelo kukuba usinika amandla okuwuphila. UYesu akasiceli nje ukuba sizame ukuphila njengo Nyana kaThixo ngamandla ethu-Ukuvuka kwakhe engcwabeni kusinike ukufikelela kumandla akhe. Namhlanje, camngca ngomzekelo asishiyela wona uKrestu. Ngaba ukuhlamba iinyawo kukhangeleka njani kubuhlobo bakho nakwiimeko zakho? Ungabanceda njani abanye ngale ndlela isisiseko njengoko uYesu wenzayo kubahlobo bakhe?
Usuku 2

Malunga nesi Sicwangciso

The Story of Easter

Ungayichitha njani iveki yokugqibela yobomi bakho usazi ukuba yeyokugqibela? Iveki kaYesu yokugqibela esemhlabeni ekwimo yomntu wenyama yayizela ngamaxhesha angalibalekiyo, iziprofetho ezizalisekisiweyo, umthandazo onzulu, ingxoxo enzulu, izenzo zokomfuziselo, kunye neziganeko ezaguqula umhlaba. Le plani yenzelwe ukuqala ngoMvulo ngaphambi kwe-Pasika, kusuku ngalunye le plani iqulunywe yiLife Church izakuhamba nawe ngebali elizakumangothyilatyhileka kwiveki eNgcwele.

More

Sithanda ukubulela iLifeChurch ngokubonelela ngale plani. Ukuba ungathanda ukufunda ngakumbi malunga neLife.Church, nceda undwendwele: www.Life.Church