Ukubuyisa Uvuyo LwakhoIsampulu

Recovering Your Joy

Usuku 4 LWE 5

Ukuthobela Yimfihlelo ekusa Elonwabeni

Funda iZililo 3:40.

Uvuyo yinto elula ukuphulukana nayo, kodwa ikwayinto elula ukuyibuyisela. Emva kokuba uvumile ukuba ulahlekelwe luvuyo lwakho, kufuneka uhlolisise unobangela. Kufuneka ujonge ubomi bakho kwaye uzibuze, “Ndilahlekelwe njani luvuyo lwam? Yintoni endihlutha uvuyo lwam?”

IBhayibhile iyasixelela amatyeli amaninzi eSibhalweni ukuba sihlolisise ubomi bethu. Izililo 3:40 uthi, “Masikhe siziphengulule sizigocagoce iindlela zethu, size sibuyele kuNdikhoyo” (XHO96).

Kukho amakhulukhulu ezinto ezibulala ulonwabo ebomini, kodwa ezona zimbini zixhaphakileyo endizibona ebomi babantu yishedyuli engalungelelananga kunye netalente engasetyenziswayo. Kufuneka ube nolinganiselo olulinganayo phakathi kokuphumla kunye nomsebenzi, igalelo kunye nemveliso. Kwaye kufuneka usebenzise iitalente zakho ezizodwa, ozinikwe nguThixo, okanye uya kubanoxinzelelo lwengqondo. Thatha nawuphi na umyinge wetalente yakho engasetyenziselwa umsebenzi wakho uyisebenzisele inkonzo. Ukuba usemsebenzini osebenzisa ngaphantsi komyinge weepesenti ezingama-25 zetalente yakho, phuma ke.

Xa ube uyifumanisile indlela ophulukene ngayo novuyo lwakho, kufuneka ulungise oko kungalunganga.

Ngaba uyazi ukuba yintoni eya kuphanga uvuyo lwakho ngokukhawuleza kunayo nayiphi na enye into? Xa ukwazi okulungileyo omawukwenze kwaye ungakwenzi.

IBhayibhile ithi kuYakobi 4:17, “Phofu ke yena umntu ongayenziyo imfanelo yakhe nakuba eyazi, unetyala.”

Ngoko ke mandikubuze: Yintoni oyaziyo ukuba kufuneka uyenzile kodwa awuyenzi? Yintoni uThixo akuxelele ukuba yenze kodwa awukaqali ukuyenza?

Imfihlelo yovuyo oluqhubekekayo, oluninzi, noluphuphumayo kukuthobela. Kukwenza oko uThixo akuxelela ukuba ukwenze. Qho usenza oko uThixo athe kwenze, ubomi bakho buya kuzaliswa luvuyo.

Uya kuzaliswa luvuyo xa ucinga ngezinto ezilungileyo ebomini bakho.Uthi uDavide kwiNdumiso 126:3, “UYehova usenzele izinto ezinkulu, saba ngabavuyayo” (XHO75). Okukhona ugxila koko uThixo akwenzele kona, kokukhona uya kuba novuyo ebomini bakho. Ngoba? Kuba lonto ivelisa umbulelo. Kwaye isimo sengqondo sokubanombulelo sesona siyimvakalelo ephilileyo yomntu.

Ukuba ufuna ukubuyisela uvuyo lwakho, okokuqala vuma ukuba luhambile, emva koko uhlalutye unobangela. Emva koko, ulungise into engalunganga, kwaye ufumane isimo sengqondo sokubanombulelo. Ngomso siza kuthetha ngamanyathelo amathathu okugqibela okubuyisela uvuyo lwakho.
Usuku 3Usuku 5

Malunga nesi Sicwangciso

Recovering Your Joy

Ukuba ufuna ulonwabo ebomini bakho, kufuneka ufumane ulungelelwano kwishedyuli yakho. Umfundisi uRick wabelana ngendlela onokuthi ulilungise ngayo igalelo lakho kunye nesiphumo sakho ukuze ukunikela kwakho kunye nokwamkela kwakho kukuncede ubuyise uvuyo lwakho, ungaphulukani nalo.

More

Esisicwangciso sibhalwe © 2014 nguRick Warren. Onke Amalungelo Agciniwe. Isetyenziswe ngemvume.