Ukubuyisa Uvuyo LwakhoIsampulu
Yabelana ngovuyo losindiso lwakho
Funda kwabase-Efese 2:10.
Ukuba ufuna ukubuyisela uvuyo lwakho, uya 1) vuma ukuba luphelile, emva koko u 2) hlalutye unobangela. Emva koko, 3) lungisa okungalunganga, kwaye 4) uziqhelanise nesimo sengqondo sokubanombulelo.
Kukho amanye amanyathelo amathathu okubuyisela uvuyo lwakho esiza kuthetha ngawo namhlanje.
Okokuqala, kufuneka uchithe ixesha noThixo yonke imihla.
Usenokunzinyelwa kukucinga ukuba uThixo ufuna ukuchitha ixesha nawe. Unezinto ezininzi azenzayo, akunjalo? Kodwa kuso sonke iSibhalo, uThixo usimemelela ukuba size phambi kobuso bakhe. Kwaye kukho uvuyo olubakho xa sichitha ixesha noThixo ngexesha elizolileyo lemihla ngemihla, kuba sifunda ukuva ilizwi lakhe kwaye sifumanise oko afuna sikwenze ngobomi bethu. Okukhona uchitha ixesha noThixo, kokukhona ubuhlobo bakho naye bukhula.
Okwesibini, kufuneka ufumane indlela yokunikela kwabanye. IBhayibhile ithi kwabase-Efese 2:10: “Kuba thina singumsebenzi wakhe, sídalelwe kuKristu Yesu, ukuze senze imisebenzi elungileyo, awayilungisayo uThixo ngenxa engaphambili, ukuze sihambe kuyo” (XHO75). Ngamaxesha anzima, kulula kakhulu ukuzicingela. Kodwa inyaniso ikukuba, okukhona unikela ingqalelo kwisiqu sakho, kokukhona ulahlekelwa luvuyo.
Ndikhe ndajikeleza ihlabathi, kwaye bendikumazwe amaninzi avaliweyo apho abantu batshutshiswayo ngenxa yokholo lwabo kuYesu Krestu. Uyayazi into endiyifumeneyo? AmaKristu atshutshiswayo ngabona bantu bonwabileyo ehlabathini. Ngoba? Oko kuthetha okuthile kubo. AbangomaKristu nje athi, "Yithathe okanye uyiyeke". Ilungelo lokunqula nenkululeko yabo kuKristu ithetha okuthile kubo. Kwaye, banovuya ngakumbi.
Kufuneka ufumane indlela yokunikela. Xa ususa ingqalelo kuwe, uya kulufumana uvuyo lwakho lubuya.
Okokugqibela, ukuze ufumane uvuyo lwakho, kufuneka uxelele umntu ngoYesu.
Akukho nto iya kulubuyisela uvuyo lwakho ngokukhawuleza njengokuxhalabela ukusindiswa komhlobo. Ibhayibhile ithi ngalo lonke ixesha umntu esamkela iNkosi, Baye benze itheko eZulwini. Ubuyazi lonto? ULuka 15:7 uthi, “Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko” (XHO75). Mhla wawutsiba umgca, bakwenzela itheko eZulwini. Kwaye mhla wanceda umntu othile ukuba azi iNkosi, kuyakubakho itheko entliziyweni yakho. Uvuyo luyabuya njengokuba usabelana nabanye.
Thandaza lomthandazo namhlanje: “Bawo, ndincede ndibuyisele uthando kunentiyo, uvuyo kunentlungu, nobubele kunokungakhathali. Ngamana uvuyo lweNkosi lungabonakala ebusweni bam kangangokuba abantu bafune ukwazi ukuba kutheni kwaye balazi ithemba elikum. Ndincede ndithobele lento uthi mandiyenze. Ndincede ndigxile kwiintsikelelo zakho ebomini bam ukuze ndibe nesimo sengqondo sokubulela ngokuthembeka kwakho. Buyisela uvuyo losindiso lwam ukuze ndibe nokwabelana nabanye ngolo vuyo ndize ndibancede bafumane olwabo uvuyo ngobudlelwane nawe. Ndiyabulela kuba ndinako ukuba nethemba novuyo ngoYesu Krestu. Ameni.”

IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Ukuba ufuna ulonwabo ebomini bakho, kufuneka ufumane ulungelelwano kwishedyuli yakho. Umfundisi uRick wabelana ngendlela onokuthi ulilungise ngayo igalelo lakho kunye nesiphumo sakho ukuze ukunikela kwakho kunye nokwamkela kwakho kukuncede ubuyise uvuyo lwakho, ungaphulukani nalo.
More
Esisicwangciso sibhalwe © 2014 nguRick Warren. Onke Amalungelo Agciniwe. Isetyenziswe ngemvume.