Ukubuyisa Uvuyo LwakhoIsampulu

Recovering Your Joy

Usuku 2 LWE 5

Uvuyo Nokuba Kunjani

Funda KwabaseFilipi 4:6.

Unesidingo esisisiseko solonwabo ebomini bakho. Ubomi obungenalonwabo buyongamela, bunomthwalo onzima yaye buyacinezela. Uhlolisiso luye lwabonisa ukuba okukhona sinovuyo olungakumbi ebomini bethu, kokukhona siba nemveliso.Ndifunde inqaku kwi "US News and World Report" elathi iinkampani ziqesha "abacebisi bolonwabo" ukwakha ulonwabo ebomini babantu ukuze abasebenzi babe nemveliso ngakumbi. Kuyinyani okokuba ubanamandla angakumbi, ubuchule obungakumbi, kunye nemveliso ngakumbi xa unolonwabo ebomini bakho.

Kulencwadi imfutshane yabaseFilipi—izahluko ezine kuphela ubude—uPawulos usebenzisa igama elithi “uvuyo” izihlandlo ezili-16. Into emangalisayo kukuba, uPawulos akazange abhale le ncwadi xa wayesekhefini eCaribbean. Wayesentolongweni eRoma, elindele ukubulawa. Ngezona ntsuku zinzima ebomini bakhe, waabhala eyona ncwadi yakhayo eBhayibhileni.

KwabaseFilipi, uPawulos usinika abakhi bovuyo abathandathu abaya kusinceda sinciphise ukudimazeka kwethu baze baphelise udandatheko lwethu. Ukubenza bakhumbuleke lula, ndibenze babazizishunqulelo - LONWABO. Namhlanje, siza kujonga ezintathu zokuqala.

L: Lahla konke ukuzisola malunga nexesha lakho elidlulileyo.
“ukulahla” kuthetha ukuba “kukushiya into engenaxabiso, ukuyiphosa phandle, ukuyikhupha, ukuyigibisela kude le.” uPawulos uthi ukuba ufuna ukubunandipha ubomi, kukho izinto ekufuneka uzilahlile ngoba zizakudontsela phantsi kwaye zibuthwalisa nzima ubomi bakho. IBhayibhile ithi kulibale ukuzisola kwakho okugqithileyo, ngoba kuko okouThixo akwenzayo — ukhetha ukuzixolela iimpazamo zakho xa sele zivunyiwe. Isiqalo sovuyo kukwehlukana nezehlo ezidlulileyo. KwabaseFilipi 3:13 uthi, “ndithi ndizilibale izinto esezigqithile, nditsazele kwezo zingaphambili” (XHO96).

O: Owashiyayo amaxhala angekamva.
Ukuba uzokonwabela ixesha ophila kulo ngoku, kufuneka ushiye onke amaxhala malunga nekamva lakho. Ixhala, ndilihlambela izandla, lolona lubulalala ulonwabo kakhulu kunento zonke. Awunakuvuya kwaye ube nexhala ngaxeshanye. Isithinteli sikaPawulos zezi ndinyana: “Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo” (KwabaseFilipi 4:6 XHO96). Unokuba nexhala okanye unokuthandaza.

N: Nikela konke enjongweni kaThixo.
Ukuba uyakhukuliseka nje, ukuba awuyazi apho uvela khona okanye apho uya khona okanye kutheni ulapha, ngokuqinisekileyo awuyi kuba nalo naluphi na uvuyo ebomini bakho. Sonke sifuna ukuphilela unobangela omkhulu kunathi. Yiloo nto ke esivuyisayo. Ukuziphilela akuzisi vuyo.

Kwanaxa uPawulos wayelahlekelwe yiyo yonke into, kwakukho into enye awayengenakuyihluthwa mntu—injongo yakhe ebomini. UPawulos uthi kwabaseFilipi 1:21, “Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu” (XHO96).

Ukuba ufuna ukuphila ubomi obuzaliswe luvuyo, kufuneka ungqamane nenjongo kaThixo ngobomi bakho. Xa uqala ukuphilela injongo oyidalelweyo, ubomi buyavakala, kwaye ulonwabo lufumaneka ngokulula ngakumbi.
Usuku 1Usuku 3

Malunga nesi Sicwangciso

Recovering Your Joy

Ukuba ufuna ulonwabo ebomini bakho, kufuneka ufumane ulungelelwano kwishedyuli yakho. Umfundisi uRick wabelana ngendlela onokuthi ulilungise ngayo igalelo lakho kunye nesiphumo sakho ukuze ukunikela kwakho kunye nokwamkela kwakho kukuncede ubuyise uvuyo lwakho, ungaphulukani nalo.

More

Esisicwangciso sibhalwe © 2014 nguRick Warren. Onke Amalungelo Agciniwe. Isetyenziswe ngemvume.