Ukubuyisa Uvuyo LwakhoIsampulu

Recovering Your Joy

Usuku 1 LWE 5

Bonwabele Ubomi Bakho

Funda 1 kuTimoti 6:17.

Usenokuba uphantsi koxinezelelo ngoku ngenxa yemeko yezoqoqosho, kodwa uThixo usafuna ukuba ubonwabele ubomini.

NjengomKristu, unokubunandipha ubomi kuba isazela sakho simsulwa. Unokubunandipha ubomi ngenxa yokuba unqabisekile eluthandweni lukaThixo. Unokonwaba uhleke ecaweni. Unokonwabela abahlobo abangakuqhathiyo kuba befunda ukuxelisa uYesu, yaye oko kuthetha ukuba bafunda ukunyamekela izilangazelelo zabanye.

Ngelishwa, baninzi abantu abangafuniyo ukumvumela uThixo angene ebomini babo kuba besoyika ukuba uya kubenza bancame yonke into eyonwabisayo. Bacinga into yokuba ukuba ngumKristu kufana nokuthi itheko liphelile, ukuba ngumntu wakwamoya kukuba lusizi.

Abantu bangxamele ukukhangela izinto ezizakubonwabisa, kodwa oko kuthetha ukuba basebenza phantsi komthetho wokunciphisa imbuyekezo. Bachitha ixesha elininzi, imali eninzi, namandla angakumbi baze bafumane ulonwabo olunciphayo. Bahamba bebuza, "Ingaba sisazonwabisa?"

Inyaniso yeyokuba, uThixo “obeka phambi kwethu izinto zonke ngokobutyebi, ukuba zidliwe” (1 KuTimoti 6:17b XHO75).

UThixo ufuna ubunandiphe ubomi!
Usuku 2

Malunga nesi Sicwangciso

Recovering Your Joy

Ukuba ufuna ulonwabo ebomini bakho, kufuneka ufumane ulungelelwano kwishedyuli yakho. Umfundisi uRick wabelana ngendlela onokuthi ulilungise ngayo igalelo lakho kunye nesiphumo sakho ukuze ukunikela kwakho kunye nokwamkela kwakho kukuncede ubuyise uvuyo lwakho, ungaphulukani nalo.

More

Esisicwangciso sibhalwe © 2014 nguRick Warren. Onke Amalungelo Agciniwe. Isetyenziswe ngemvume.