Okona kuzixhobisaIsampulu
Sebenzisa iMithethosiseko kaThixo Yonke iMihla
“Ilizwi lakho sisibane sendlela yam; liyandikhanyisela eluhambeni.” IINDUMISO 119:105
KumaKrestu, iLizwi likaThixo linika amandla okhanyo apho ngelinye ixesha kuba mnyama ehlabathini. ILizwi likaThixo liza kuba ngumthombo wokhanyo kuphela okokuba siyazamkela iinyaniso zalo kwaye silivumela ukuba lingene nzulu ezintliziyweni zethu. UYesu le nto uyichaza ngomzekeliso ofumaneka kuMatewu:
“UYesu ke wasifundisa isihlwele izinto ezininzi ngemizekeliso, esithi: “Kwakukho umhlwayeli owaphuma waya kuhlwayela. Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zeza iintaka zayichola zayigqiba. Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba. Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela. Enye yawa endaweni enokhula, olwathi lwakukhula lwayiminxa. Enye yawa kumhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo: enye yanika ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu.” UMATEWU 13:3-8
Imbewu ebalini imele iBhayibhile, kwaye iimeko ezahlukileyo zimele ukulungela nokuvuma kwethu ukwamkela iLizwi likaThixo. Qaphela ukuba asiyiyo yonke imbewu ehlwayelwe ngumlimi evelise isiphumo awaye esilindele, kuphela yimbewu eyayihlwayelwe kumhlaba omhle. Funda uMatewu 13:18-23 apho uYesu achaza ibali. Ukulima “umhlaba omhle” ebomini bethu kuthetha ukuthi sivumela iLizwi likaThixo lityhutyhe ezintliziyweni zethu kwaye liphembelele iinjongo nezimvo zentliziyo yethu.
“Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu.” KUMAHEBHERE 4:12
Kwaye kwakhona, ukuvuma kwethu ukusebenza ngeLizwi likaThixo ngundoqo wokulisebenzisa ngamandla.
“Musani ukuzikhohlisa ngokuliphulaphula nje qha ilizwi likaThixo. Endaweni yaloo nto nina yenzani oko likuthethayo.” EKAYAKOBI 1:22
Ngokuvuma ukuba iLizwi likaThixo lityhutyhe iingcinga zethu kwaye libumbe izazela zethu, singazihlola ngamandla izimvo neenjongo zezigqibo esizenza mihla le. Xa sisenza oko, iLizwi lakhe liba sisikhokelo esinamandla kakhulu sokuphila ubomi.
“Kodwa loo mntu uthi awucoselele ukuwugcina umthetho osinika inkululeko, lowo uthe rhoqo ukuhamba ngawo engaphulaphuli nje aze alibale, lowo wosikelelwa nguThixo ngokwenjenjalo.” EKAYAKOBI 1:25
Khuthazeka utyale iimbewu zeLizwi likaThixo ebomini bakho; ufunde ngalo, uliqonde kwaye ulisebenzise mihla le. Isivuno esikhulu sentsikelelo sikulindele!
Malunga nesi Sicwangciso
Ukufumana imbuyekezo esikelelekileyo neninzi kuqala ngokuzixhobisa kakuhle. Okokuba ungumKrestu omtsha, akukho kuzixhobisa kukhulu unokukwenza kukholo lwakho ngaphezu kokukholosa ngokwamkela iLizwi likaThixo. Qala apha ukuze uncedeka ukuliFunda, uliQonde kwaye uliSebenzise ngamandla yonke imihla.
More
Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/