Okona kuzixhobisaIsampulu

Okona kuzixhobisa

Usuku 3 LWE 5

Funda iBhayibhile Rhoqo

Inkoliso yethu ingayivuma into ethi iBhayibhile isibonelela ngentaphane yezinto esinokuzifunda – ezinye zibe ngathi ziyasongamela, azivakali ngamanye amaxesha. Nazi iinyaniso ezimbalwa ngeBhayibhile eziza kukunceda ngesikhokelo nokuqonda ngcono ngexesha lokuzifundela kwakho.

Kuqala, uza kufumanisa ukuba iBhayibhile yahlulwe yangamacandelo amabini:

ITestamente eNdala yingqokelela yeembalo ukuqalela ekudalweni kwehlabathi, imbali yabantu bakwaSirayeli – kuquka ukoyiswa kwabo njengesizwe, isiphumo esaba kukuthinjwa ziintshaba zabo, kwaye ekugqibeleni ukubuya kwabo ukuya kuhlala eYerusalem kwakhona ininyaka yamakhulu ambalwa phambi kokuzalwa kukaKrestu. ITestamente eNdala ikwangumthetho kaThixo wabantu bakwaSirayeli.

ITestamente eNtsha yingqokelela yeembalo ukuqalela phambi nje kokuzalwa kukaYesu, iqhubekeka nobomi nomsebenzi wakhe, ukufa nokuvuka kwakhe ekufeni njengoMsindisi wethu, ekugqibeleni ukusekwa nokwandiswa kweCawe yakhe ehlabathini liphela. Umyalezo wenkululeko kuKrestu ngesisa njengoko kuvezwa kwiTestamente eNtsha uzalisekisa kwaye uthatha indawo yokufuneka kwamatiletile anyakathiswe kwiTestamente eNdala.

Okwesibini, ukuthetha gabalala, kukho iintlobo ezintathu zeembalo oza kuzifumana kwiTestamente eNdala neNtsha eBhayibhileni:

Imbali – iimbalo ziza kukubalisela ibali eliyinyaniso kwaye zikunike imbono ebalulekileyo yembali yabantu neyeziganeko ezibalulekileyo.

Iimbalo ezifundisayo – iincwadi neevesi ezifundisa ngemiba emininzi yokuphila ubuKrestu, imibutho yecawe nemicimbi yomntu neyentsapho kodwa zinganiki ncam imbali ethile yeziganeko.

Iimbalo ezivuselelayo – imbalo enobuhobe echuliweyo eyenzelwe ukukhuthaza, ukuvuselela nokubonisa imvakalelo esuka kumbhali iye kozifundayo.

Iimbalo zeTestamente eNtsha ezinika iMbali yobomi nomsebenzi kaYesu nguMatewu, uMarko, uLuka noYohane. Ezi ncwadi zine zikwabizwa iiVangeli. Incwadi yeZenzo yenye incwadi yembali kwiTestamente eNtsha enika ingxelo ngokulandelelana kokusekwa nokwandiswa kwecawe yobuKrestu emva kokufa nokuvuka ekufeni kukaYesu.

Iincwadi zeTestamente eNtsha ezimele iiMbalo eziFundisayo zezaKwabaseRoma ukuya kutsho kweKaJuda. Ezi zizo kanye iileta zeenkokeli zecawe ezicebisa nezifundisa amanye amakholwa neecawe ehlabathini liphela.

Incwadi yeTestamente endala yeeNdumiso,ngumzekelo omkhulu weeMbalo eziVuselelayo. Apha ngezantsi luvuselelo yiNdumiso esiqinisekisa ngeentsikelelo ezinikwa nguThixo kwabo bazixhobisa ngeLizwi likaThixo rhoqo ebomini babo.

“Lowo wonwatyiswa yimiyalelo *kaNdikhoyo,

ayetyise emini nasebusuku. Unjengomth' otyalwe ngasemijelweni yamanzi, umth' ovelisa iziqhamo ngexesha leziqhamo, umth' omagqabi angasoz' abune. Ewe, konk' akwenzayo umnt' onjalo kuyaphumelela.” IINDUMISO 1:2-3

Ukutyala imbewu yeLizwi likaThixo ebomini bethu, kufuneka ukufunda iBhayibhile kube yinxalenye yomsebenzi wethu wesiqhelo. Ngokumana imbewu yeLizwi likaThixo igqama ebomini bakho, iintsikelelo zakhe ziza kucaca ngakumbi. Uza komelezwa liLizwi lakhe eliza kukuphilisa, kwanangamaxesha embalela nobunzima.

Usuku 2Usuku 4

Malunga nesi Sicwangciso

Okona kuzixhobisa

Ukufumana imbuyekezo esikelelekileyo neninzi kuqala ngokuzixhobisa kakuhle. Okokuba ungumKrestu omtsha, akukho kuzixhobisa kukhulu unokukwenza kukholo lwakho ngaphezu kokukholosa ngokwamkela iLizwi likaThixo. Qala apha ukuze uncedeka ukuliFunda, uliQonde kwaye uliSebenzise ngamandla yonke imihla.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/