Okona kuzixhobisaIsampulu

Okona kuzixhobisa

Usuku 4 LWE 5

Yandisa uLwazi Lwakho

Ukuphuhlisa ukuliqonda kwakho iLizwi likaThixo ngumzamo wobude bobomi. Akunakufana kwenzeke bumini. Kodwa kukho iindlela ezithile ezingakhulisa ukuqonda kwakho kabanzi. Nazi iingcamango ezimbalwa:

1 – Fumana izixhobo. Zininzi iintlobo zezixhobo ezifumanekayo ezincedisa ukufunda ezingakunceda uyive ngcono into oyifundayo. Umzekelo, kukho iZifundo ngeBhayibhile, izalathazwi ezicwangcisiweyo nezikhokelo zezifundo zezi mini ezifumaneka kwi-inthanethi nakokubhalwe ephepheni.

2 – Zibandakanye neqela elifunda iBhayibhile okanye neqela elincinci ukuze unxibelelane namanye amaKrestuuqaphele indlela abanye abantu abalisebenzisa ngayo iLizwilikaThixo ebomini babo.

3 – Yiba nesicwangciso. Kwabo banebhongo ngenene ngexesha abafunda ngalo, kukho izicwangciso ezininzi ezifumanekayo ezingakunceda zikukhokele kwiBhayibhile iphela. Inkoliso yazo ingakunceda uyigqibe yonkeukuyifunda iBhayibhile ngonyaka omnye – leyo ke yimpumelelo ebalulekileyo singawenzanga made.

Ngokumana uchitha ixesha lakho kwiLizwi lakhe, uza kuliqonda ngcono. Ngokwenza oko, uza kufumanisa ukuba uThixo uza kukunceda uyive ngqo into ekufuneka uyazile ngeli xesha lobomi ukulo.

Usuku 3Usuku 5

Malunga nesi Sicwangciso

Okona kuzixhobisa

Ukufumana imbuyekezo esikelelekileyo neninzi kuqala ngokuzixhobisa kakuhle. Okokuba ungumKrestu omtsha, akukho kuzixhobisa kukhulu unokukwenza kukholo lwakho ngaphezu kokukholosa ngokwamkela iLizwi likaThixo. Qala apha ukuze uncedeka ukuliFunda, uliQonde kwaye uliSebenzise ngamandla yonke imihla.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/