Okona kuzixhobisaIsampulu
Amagqabantshintshi ngeBhayibhile
IBhayibhile izele imithethosiseko engaphelelwa xesha, umyalelo ocacileyo nemizekelo efaneleyo yobomi obulinganayo, obuzalisekileyo nobusikelelekileyo njengomKrestu.Eneneni, iLizwi likaThixo zange, kwaye soze lingabi lelifaneleyo, akukhathaliseki nokuba amaxesha namaxesha onyaka ngawaphi, kwaye likho ukusilungiselela nokusixhobisa ukuze sifezekise injongo kaThixo ngobomi bethu.
“Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho; ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.” 2 KUTIMOTI 3:16-17
IBhayibhile ingathathwa nje njengentetho ebhaliweyo kaThixo, nako konke akumeleyo kuluntu. Apha ngezantsi ngamanqaku athile okunceda ukuchaza okuhethwa koku:
1 - IBhayibhile yinto ebambekayo ebonisa uthando lukaThixo. Ithetha ngeempawu nesimo sakhe, unxibelelwano nemiyalelo yakhe, ekugqibeleni uthando lwakhe olupheleleyo emntwini wonke okhe waphila.
2 - IBhayibhile iphefumlelwe nguThixo. Noxa iincwadi ezi66 zeBhayibhile zabhalwa ngababhali abaninzi, umntu ngamnye wayephenjelelwa ngqo nguThixo ngoMoya oyiNgcwele ukuba abhale akwakubhalayo.
3 - IBhayibhile ligunya likaThixo lobomi bethu. Ekugqibeleni, kuba iBhayibhile “ziileta” zikaThixo eziya eluntwini, kwaye nokubhalwe ngaphakathi kuzo kuphefumlelwe nguThixo, iLizwi lakhe linelogunya linye ebomini bethu njengoThixo ngokwakhe.
ILizwi likaThixo sesinye seziseko ezibaluleke kakhulu ekukhuleni ngokwasemphefumlweni nasebudaleni kuThixo. Ukuze sizivumele ngokupheleleyo iimbewu zeLizwi likaThixo ukuba zichume ebomini bethu, kufuneka sizityale ezo mbewu ngokulifunda, ngokuphuhlisa ukuliqonda kwethu, nangokulisebenzisa ebomini bethu.
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Ukufumana imbuyekezo esikelelekileyo neninzi kuqala ngokuzixhobisa kakuhle. Okokuba ungumKrestu omtsha, akukho kuzixhobisa kukhulu unokukwenza kukholo lwakho ngaphezu kokukholosa ngokwamkela iLizwi likaThixo. Qala apha ukuze uncedeka ukuliFunda, uliQonde kwaye uliSebenzise ngamandla yonke imihla.
More
Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/