Phila ngamandla nobukhalipa!Isampulu

Phila ngamandla nobukhalipa!

Usuku 5 LWE 8

Wenza uSindiso Lube Yinto Ekhoyo Emntwini

Noxa inguYesu owahlawulela usindiso lwethu, bubukho bukaThixo ngoMoya oyiNgcwele obenza usindiso into ekhoyo kuye nabani na oza kulwamkela. UYesu wayicacisa into yokuba usindiso asaneli kulwamkela nje xa sizalwa. Kukho ukuzalwa ngokutsha komoya ekufuneka kwenzekile, okunokwenziwa nguMoya oyiNgcwele kuphela.

“Waphendula uYesu, wathi: “Ndithi kuwe, inene, ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya kaThixo, akanakulawulwa nguThixo. 6Okuzalwa yinyama negazi kuyinyama negazi; okuzalwa nguMoya kunguMoya.” UYOHANE 3:5-6

Ubani nje akwamkela uKrestu ebomini bakhe, loo nto ivuselela umoya ngaphakathi kuye, nto leyo eyenza ukususwa mpela kwesohlwayo sesono ebomini bakhe.

Ngaphezu koko, uMoya oyiNgcwele uyasebenza ebomini babangakholwayo ubonisa indlela emangalisayo uThixo abathanda ngayo. UYesu wathi,

“Ndakuba ndifikile kuBawo, ndonithumela uMmeli onguMoya wenyaniso ovela kuBawo. Xa athe wafika yena, wongqina ngam.” UYOHANE 15:26

Namhlanje, uMoya oyiNgcwele uqhubekeka nalo msebenzi umangalisayo wokwazisa uthando lukaThixo ngokuvakalisa uYesu kumakholwa nakwabo bangakholwayo uthando lukaThixo olungumntu, nako konke akumeleyo ehlabathini.

Usuku 4Usuku 6

Malunga nesi Sicwangciso

Phila ngamandla nobukhalipa!

Akuwedwanga. Akukhathaliseki nokuba unosuku olunye okanye iminyaka e30 ulikholwa, le nyaniso ayigungqi malunga nantoni na enokuba ngumngeni kuthi ebomini. Funda indlela yokwamkela ngamandla uncedo lukaThixo kwesi sicwangciso.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/