Phila ngamandla nobukhalipa!Isampulu
Akuwedwanga
Kudla ngokuthiwa ubomi bunamahla ndinyuka, amaxesha olonwabo nethemba axutywe namaxesha omngeni nentandabuzo. Ubomi asiyonto nje yokuthi chu unyuke uye phezulu; ngaphezu kokuba buluhambo oluneenduli neentlambo. Wonke ubani, amakholwa nabangengomakholwa ngokufanayo, ugqitha kumahla ndinyuka obomi.
Kodwa njengamakholwa, sinesithembiso sikaThixo esingummangaliso sokuba akukho mfuneko yokuba sijongane neentlambo zobomi sisodwa. Nanga amazwi akhe asikhuthazayo:
“Qinani nikhaliphe, ningaxhali, ningabi nayo nedyudyu. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ungakuni; soze arhoxe okanye anilahle.” UHLAZIYO-MNQOPHISO 31:6
Inyaniso yeyokuba sifuna ubukho bukaThixo ngamaxesha omngeni nangamaxesha empumelelo. Ngokwazi ukuba uThixo unathi, umngeni ngamnye ebomini singawujonga njengenyathelo lempumelelo ngaphezu kokulahla ithemba.
Akukho ntaba ephakamileyo kwanentlambo esezantsi apho uThixo angenakudibana nathi khona. Nokuba iimeko zethu zithini, uThixo uthembekile, kwaye usoloko enathi!
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Akuwedwanga. Akukhathaliseki nokuba unosuku olunye okanye iminyaka e30 ulikholwa, le nyaniso ayigungqi malunga nantoni na enokuba ngumngeni kuthi ebomini. Funda indlela yokwamkela ngamandla uncedo lukaThixo kwesi sicwangciso.
More
Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/