Phila ngamandla nobukhalipa!Isampulu
Umsebenzi kaThixo Ngenkqu
Ukususela ekuqaleni kwendalo uMoya oyiNgcwele oko ekho, ehleli phakathi kwethu kuzo zonke izizukulwana.
“Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.” EYEZIQALO 1:2
Kodwa kwaba semveni kokuba uYesu ewugqibile umsebenzi wakhe emnqamlezweni apho umsebenzi kaMoya oyiNgcwele wathi waba ngenkqu wasondela kuwo onke amakholwa. Phambi kokuba afe, uYesu wathi kubalandeli bakhe uMoya oyiNgcwele ukho phakathi kwabo, kodwa akakahlali ngaphakathi kubo.
“Lo Mmeli nguMoya wenyaniso, lowo ihlabathi lingenako ukumamkela, kuba lingenako ukumbona, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi, kuba uhleli nani, eya kuba ngaphakathi kuni.18“Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama.” UYOHANE 14:17-18
Isithembiso sikaYesu sentuthuzelo kubalandeli bakhe phambi kokuba afe yayisesokuba uza kusoloko enabo ngokwasemoyeni, ngobukho bukaMoya oyiNgcwele ohleli ebomini babo. Umsebenzi awawuqalayo uYesu usaqhubeka ebomini bethu ngoMoya oyiNgcwele. UThixo usebenzisa uMoya oyiNgcwele ongaphakathi kuthi ukwenza izinto ezine:
1. Wenza usindiso lube yinto ekhoyo emntwini.
2. Ukunika amandla okuphila ngoloyiso.
3. Wenza imilo yobuKrestu yokukunceda ukhule.
4. Yonke into usebenzela ukuba isilungele.
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Akuwedwanga. Akukhathaliseki nokuba unosuku olunye okanye iminyaka e30 ulikholwa, le nyaniso ayigungqi malunga nantoni na enokuba ngumngeni kuthi ebomini. Funda indlela yokwamkela ngamandla uncedo lukaThixo kwesi sicwangciso.
More
Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/