Uhlambululo LomphefumloIsampulu
Uloyiko kukuba nokholo, kodwa kukubeka ukholo lwakho kwizinto ezingalunganga. Uloyiko kukubeka ukholo lwakho koo "kungathini na". Uloyiko lwethu oluninzi lugxile kwizinto ezinokuthi zenzeke okanye zingenzeki. Akukho sizathu sokoyika izinto ezinokuthi zingenzeki. Kwanabantu ebhayibhileni batsala nzima ekoyikeni kwabo "kungathini na". Uza kufunda namhlanje ngoloyiko lukaMoses, “kungathini na” nendlela uThixo awamnika ngayo amandla okoyisa uloyiko lwakhe.
Zeziphi ezinye iimeko othi "kungathini na" ezibangela uloyiko lwakho?
Zeziphi ezinye iimeko othi "kungathini na" ezibangela uloyiko lwakho?
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Asingomzimba onomphefumlo. Singumphefumlo onomzimba. Ngelixa ihlabathi lisifundisa ngokufanelekileyo ukuba sikhuphe izinto ezimdaka emizimbeni yethu, ngamanye amaxesha kufuneka sikhuphe izinto ezimdaka emphefumlweni wethu. Esi sicwangciso seentsuku ezingama-35 siya kukunceda uchonge into ehliphula umphefumlo wakho, kwaye yintoni ekuthintelayo ukuba ube ngulomntu uThixo akudale ukuba ube nguye. Uya kufunda eLizwini likaThixo indlela onokuziphelisa ngayo ezi mpembelelo zonakalisayo uze wamkele ukuphila okucocekileyo komphefumlo wakho.
More
Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: www.life.church