Uhlambululo LomphefumloIsampulu
Zine iindidi zoloyiko: ukoyika ukulahlekelwa, ukoyika ukusilela, ukoyika ukwaliwa, nokoyika into ongayaziyo. Kungenzeka ukuba unengxaki yoloyiko olunye okanye ngaphezulu. Olu loyiko lunokukutheza amandla luze likuvimbe okulungileyo kukaThixo. Khumbula oko kuthethwa ku 2 kaTimoti 1 ngokuthi uThixo akasinikanga moya wabugwala, kodwa wasinika umoya wamandla, wothando, nowokuzeyisa.
Loluphi uloyiko ojongene nalo ngoku kakhulu?
Loluphi uloyiko ojongene nalo ngoku kakhulu?
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Asingomzimba onomphefumlo. Singumphefumlo onomzimba. Ngelixa ihlabathi lisifundisa ngokufanelekileyo ukuba sikhuphe izinto ezimdaka emizimbeni yethu, ngamanye amaxesha kufuneka sikhuphe izinto ezimdaka emphefumlweni wethu. Esi sicwangciso seentsuku ezingama-35 siya kukunceda uchonge into ehliphula umphefumlo wakho, kwaye yintoni ekuthintelayo ukuba ube ngulomntu uThixo akudale ukuba ube nguye. Uya kufunda eLizwini likaThixo indlela onokuziphelisa ngayo ezi mpembelelo zonakalisayo uze wamkele ukuphila okucocekileyo komphefumlo wakho.
More
Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: www.life.church