Uhlambululo LomphefumloIsampulu
Ngokufuthi siphelelwa ngamandla luloyiko olungenangqiqo lokuba kukho into enokwenzeka. Kunokuba siphile ngokholo, siphila ngoloyiko. Olu loyiko luyityhefu lunokubuqhwalelisa ubomi bethu luze lusihluthe uvuyo lwethu. Kule veki uza kufunda oko iLizwi likaThixo likutshoyo ngoloyiko oluyityhefu nendlela esifanele sijamelane nalo.
Ulubone njani uloyiko lwakho oluyityhefu luchaphazela izenzo zakho kunye neengcinga zakho?
Ulubone njani uloyiko lwakho oluyityhefu luchaphazela izenzo zakho kunye neengcinga zakho?
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Asingomzimba onomphefumlo. Singumphefumlo onomzimba. Ngelixa ihlabathi lisifundisa ngokufanelekileyo ukuba sikhuphe izinto ezimdaka emizimbeni yethu, ngamanye amaxesha kufuneka sikhuphe izinto ezimdaka emphefumlweni wethu. Esi sicwangciso seentsuku ezingama-35 siya kukunceda uchonge into ehliphula umphefumlo wakho, kwaye yintoni ekuthintelayo ukuba ube ngulomntu uThixo akudale ukuba ube nguye. Uya kufunda eLizwini likaThixo indlela onokuziphelisa ngayo ezi mpembelelo zonakalisayo uze wamkele ukuphila okucocekileyo komphefumlo wakho.
More
Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: www.life.church