1
oOKumkani 2 OOKumkani 2-5:1
Contemporary Xhosa Bible 2024
Ke kaloku uNahaman, umthetheli-mkhosi wokumkani wakwa-Aram, waye eyindoda enkulu phambi kokumkani wakhe, ebekekileyo; ngokuba uYehova wayewanike ngaye ama-Aram; naye wayeligorha elikhaliphileyo, kodwa eneqhenqa.
Thelekisa
Phonononga oOKumkani 2 OOKumkani 2-5:1
2
oOKumkani 2 OOKumkani 2-5:10
uElisha wathuma umthunywa kuye, esithi, Hamba uye kuhlamba izihlandlo ezisixhenxe eYordan, inyama yakho ibuyele kuwe, uhlambuluke.
Phonononga oOKumkani 2 OOKumkani 2-5:10
3
oOKumkani 2 OOKumkani 2-5:14
Wehla ke waza wabhaptizwa izihlandlo ezisixhenxe eYordan, ngokwelizwi lomntu kaThixo oyinyaniso; yabuya ke inyama yakhe, yanjengenyama yomntwana, wahlambuluka.
Phonononga oOKumkani 2 OOKumkani 2-5:14
4
oOKumkani 2 OOKumkani 2-5:11
Waqumba uNahaman, wemka, wathi, Yabona, ndithe, Uya kuphuma eze kum, eme, alibize igama likaYehova uThixo wakhe, asibethe isandla sakhe phezu kwendawo eneqhenqa.
Phonononga oOKumkani 2 OOKumkani 2-5:11
5
oOKumkani 2 OOKumkani 2-5:13
Beza abakhonzi bakhe, bathetha kuye, bathi, Bawo, ukuba umprofeti ubethethe into enkulu kuwe, ubungàyi kuyenza yini na? Kangakanani na ke xa athe kuwe, Hlamba, uhlambuluke?
Phonononga oOKumkani 2 OOKumkani 2-5:13
6
oOKumkani 2 OOKumkani 2-5:3
Wathi kumkakhe, Akwaba uThixo, inkosi yam, ubenomprofeti kwaSamari! ngokuba ubeza kuphiliswa eqhenqeni lakhe.
Phonononga oOKumkani 2 OOKumkani 2-5:3
Home
Bible
Plans
Videos