1
U‐Yisaya 6:8
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Ndaza ndeva ilizwi LENKOSI, isiti: Ngubanina lowo endiya kumtuma, ngubanina nalowo oya kusiyela? Ndaza ndati: Nanku ndilapa; nditume mna.
Thelekisa
Phonononga U‐Yisaya 6:8
2
U‐Yisaya 6:3
Enye yabiza kwenye, yati: Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele, UYEHOVA wemikosi; umhlaba wonke uzele bubungcwalisa bake!
Phonononga U‐Yisaya 6:3
3
U‐Yisaya 6:5
Ndaza ndati: Au mna! sendibuba; ngokuba ndingumntu omlomo unco̔lileyo, ndihleli nje pakati kwabantu abamilomo inco̔lileyo kanjalo; ngokuba amehlo am ebonile ukumkani, UYEHOVA wemikosi.
Phonononga U‐Yisaya 6:5
4
U‐Yisaya 6:1
NGOMNYAKA wokufa kwokumkani u‐Huziya, ndaza ndabona INKOSI ihleli pezu kweterone ende epakamileyo, ati amasondo esivato sayo azalisa itempile.
Phonononga U‐Yisaya 6:1
5
U‐Yisaya 6:7
yacukumisa ngalo umlomo wam, yati: Bona ke, eli licukumisile umlomo wako; ngako inkohlakalo yako isusiwe, nesono sako sixolelwe.
Phonononga U‐Yisaya 6:7
6
U‐Yisaya 6:2
Iserafime zema ngakuyo: zibe zinamapiko amatandatu ezinye ngezinye; ngamabini zagubungela ubuso bazo, nangamabini zagubungela inyawo zazo, nangamabini zapapazela.
Phonononga U‐Yisaya 6:2
7
U‐Yisaya 6:6
Yandula yabalekela kum enye kuzo iserafime, inelahle elivutayo esandleni sayo ilitabatileyo ngesitabatelo esibingelweni
Phonononga U‐Yisaya 6:6
8
U‐Yisaya 6:9
Yayisiti: Hamba uye uti kwababantu: Hlalani nisiva, nize ningaqondi; hlalani nibona, nize ningaqiqi.
Phonononga U‐Yisaya 6:9
9
U‐Yisaya 6:10
Yenza intliziyo yababantu idikwe; nendlebe zabo zenze nzima, namehlo abo wacime; hleze babone ngamehlo abo, beve ngendlebe zabo, baqonde ngentliziyo zabo, baguquke, bapiliswe.
Phonononga U‐Yisaya 6:10
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo