U‐Yisaya 6
6
1NGOMNYAKA wokufa kwokumkani u‐Huziya, ndaza ndabona inkosi ihleli pezu kweterone ende epakamileyo, ati amasondo esivato sayo azalisa itempile. 2Iserafime zema ngakuyo: zibe zinamapiko amatandatu ezinye ngezinye; ngamabini zagubungela ubuso bazo, nangamabini zagubungela inyawo zazo, nangamabini zapapazela. 3Enye yabiza kwenye, yati: Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele, uyehova wemikosi; umhlaba wonke uzele bubungcwalisa bake! 4Kanjalo amaseko eminyango azamazama ngenxa yelizwi yaleyo ibizileyo, yati indlu yazaliswa ngumsi.
5Ndaza ndati: Au mna! sendibuba; ngokuba ndingumntu omlomo unco̔lileyo, ndihleli nje pakati kwabantu abamilomo inco̔lileyo kanjalo; ngokuba amehlo am ebonile ukumkani, uyehova wemikosi. 6Yandula yabalekela kum enye kuzo iserafime, inelahle elivutayo esandleni sayo ilitabatileyo ngesitabatelo esibingelweni; 7yacukumisa ngalo umlomo wam, yati: Bona ke, eli licukumisile umlomo wako; ngako inkohlakalo yako isusiwe, nesono sako sixolelwe. 8Ndaza ndeva ilizwi lenkosi, isiti: Ngubanina lowo endiya kumtuma, ngubanina nalowo oya kusiyela? Ndaza ndati: Nanku ndilapa; nditume mna. 9Yayisiti: Hamba uye uti kwababantu:
Hlalani nisiva, nize ningaqondi; hlalani nibona, nize ningaqiqi. 10Yenza intliziyo yababantu idikwe; nendlebe zabo zenze nzima, namehlo abo wacime; hleze babone ngamehlo abo, beve ngendlebe zabo, baqonde ngentliziyo zabo, baguquke, bapiliswe.
11Ndaza ndati: Kude kube ninina, Nkosi? Yayisiti: Kude kucitakaliswe izixeko zingabi nabemi, nezindlu zingabi nabantu, nelizwe ligqityelwe ukucitakaliswa, 12ati uyehova abafudusele kude abantu, nokushiyiweyo kube kukulu pakati kwelizwe. 13Nakuba kuseko kulo isahlulo seshumi, sobuya sitshiswe kwa sona; noko, njengomti weterebinte nanjengomti weyeke, eti yakuwiswa kuko isipunzi kuyo, kwa njalo inzalo engcwele yoba sisipunzi saso.
Currently Selected:
U‐Yisaya 6: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.