Izidya ZobekoloSample
![Izidya Zobekolo](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapi.com%2Fhttps%3A%2F%2Fs3.amazonaws.com%2Fyvplans%2F54295%2F1280x720.jpg&w=3840&q=75)
Ngubani iSitya sembeko?
Siphila kumaxesha obumnyama obukhulu bokomoya. Ngokukwanjalo, la ngamaxesha okhanyiselo olukhulu lokomoya nokuvuka. Asimele simnike indawo umtyholi ngokuba sisitya esilihlazo. Ikholwa libizwe ukuba libe sisitya sembeko endlwini kaThixo. Sinyulelwe ukuba sibonakalise ubungcwele bukaThixo; abathwali bozuko lwaKhe. Kodwa ukuba sisitya sembeko akwenzeki ngokuzenzekelayo nangona sikwindlu enkulu eyicawe. Ndingathini ukuba sisitya sembeko? Okokuqala, isitya sembeko ngulowo uzisusayo esonweni. Suka esonweni, zibaleke iinkanuko zobutsha, kuba ziyonakalisa, iintetho ezingento, ezihlambelayo; Okwesibini, isitya sembeko kufuneka singcwaliswe, esibekwe bucala, kwaye siphilele ukukholisa iNkosi ezintweni zonke. Ubomi obuphilwa njengabakhonzi bobulungisa obusa ebungcwaliseni babuphila kwintlonipho eqhubekayo nembeko yOsenyangweni. ukuze sizinikele ekuhloneleni uThixo, izitya ezihlanjululweyo, ezingenabala, ezitsala amehlo oMnini-ndlu.
Malunga nesi Sicwangciso
![Izidya Zobekolo](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapi.com%2Fhttps%3A%2F%2Fs3.amazonaws.com%2Fyvplans%2F54295%2F1280x720.jpg&w=3840&q=75)
Izitya zembeko sesinye sezafobe ezininzi umpostile uPawulos azisebenzisayo eBhayibhileni ukubonisa ikholwa. Ngaba wonke umKristu usisitya sembeko? Kuthetha ukuthini ukuba sisitya sembeko? Siyintoni isimilo sesitya esinikelwe kuThixo? Esi sicwangciso sonqulo sizama ukuphonononga iimpendulo zale mibuzo?
More
Sithanda ukubulela Donald Mqwathi ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: facebook.com/donald.mqwathi?_rdc=1&_rdr