Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba, njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho: ngokunjalo kalokunje, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke. Kuba, oko nibe ningabakhonzi besono, beningabakhululekileyo kubo ubulungisa. Naye ninasiqhamo sini na ke ngelo xesha, ngezi zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sazo kukufa. Kaloku ke, nikhululwe nje kuso isono, naza nakhonziswa kuThixo, nìnaso isiqhamo senu sokuba ningcwaliseke; isiphelo ke sibe bubomi obungunaphakade.
Funda KWABASEROMA 6
Share
Compare All Versions: KWABASEROMA 6:19-22
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos