KWABASEROMA 6:19-22
KWABASEROMA 6:19-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho; ngokunjalo ke ngoku, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke. Kuba, oko nibe ningabakhonzi besono, beningabakhululekileyo kubo ubulungisa. Naye ninasiqhamo sini na ke ngelo xesha, ngezi zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sezo zinto kukufa. Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo senu esisabungcwele, isiphelo ke eso bubomi obungunaphakade.
KWABASEROMA 6:19-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba, njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho: ngokunjalo kalokunje, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke. Kuba, oko nibe ningabakhonzi besono, beningabakhululekileyo kubo ubulungisa. Naye ninasiqhamo sini na ke ngelo xesha, ngezi zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sazo kukufa. Kaloku ke, nikhululwe nje kuso isono, naza nakhonziswa kuThixo, nìnaso isiqhamo senu sokuba ningcwaliseke; isiphelo ke sibe bubomi obungunaphakade.
KWABASEROMA 6:19-22 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngenxa yobuthathaka bemvelo yenu mandingantsonkothi. Njengoko nanizinikele ngokupheleleyo ukuba nenze ukungcola nokwaphula umthetho, nize nichasane nomthetho; ngokunjalo ke nangoku zinikeleni ngokupheleleyo ukuze nenze okulungileyo, khon' ukuze nahluke. Okuya nanilawulwa sisono naningekho phantsi kobulungisa. Ke, benizuza ntoni ngaloo nto? Andithi izinto enanizizuza zezi nineentloni ngazo ngoku, ezi zikhokelela ekufeni? Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo esibubungcwele. Le nto ke ikhokelela ebomini obungunaphakade.
KWABASEROMA 6:19-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho; ngokunjalo ke ngoku, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke. Kuba, oko nibe ningabakhonzi besono, beningabakhululekileyo kubo ubulungisa. Naye ninasiqhamo sini na ke ngelo xesha, ngezi zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sezo zinto kukufa. Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo senu esisabungcwele, isiphelo ke eso bubomi obungunaphakade.
KWABASEROMA 6:19-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndiyateta njengokwabantu ngenxa yobulwelwe benyama yenu. Ngokuba njengokuba amalungu enu nawamisela ukuba zizicaka ekunco̔leni nasekukohlakaleni kube kukukohlakala, kwa njalo kaloku miselani amalungu enu ukuba zizicaka ebulungiseni kube bubungcwele. Ngokuba okuya nibe nizizicaka zesono, nibe nikululekile kubo ubulungisa. Nibe ninesiqa̔mo sinina pofu oko, ngezozinto nizidaneleyo ngoku? ngokuba isipelo sezozinto, kukufa. Kodwa kaloku nikululekisiwe kuso isono, nenzwa izicaka KUTIXO nje, ninesiqa̔mo senu ngasebungcweleni; nesipelo, ninobomi obungunapakade.