Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho; ngokunjalo ke ngoku, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke. Kuba, oko nibe ningabakhonzi besono, beningabakhululekileyo kubo ubulungisa. Naye ninasiqhamo sini na ke ngelo xesha, ngezi zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sezo zinto kukufa. Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo senu esisabungcwele, isiphelo ke eso bubomi obungunaphakade.
Funda KwabaseRoma 6
Share
Compare All Versions: KwabaseRoma 6:19-22
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos