Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KWABASETESALONIKA I 4:1-8

KWABASETESALONIKA I 4:1-8 XHO75

Elokugqiba ngoko, bazalwana, siyanicela siniyala siseNkosini uYesu, ukuba nithi, njengokuba nakwamkelayo kuthi, okokuba nimelwe kukuthini na ukuhamba nokumkholisa uThixo, nikhule kuko ngakumbi. Kuba niyazi ukuba zaba ziziyalo zini na, esaniyala ngazo ngeNkosi uYesu. Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo; ukuba elowo kuni ákwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya• enobungcwalisa, enembeko; angathabatheki yinkanuko, njengeentlanga ezingamaziyo uThixo; ukuba kungabikho ugqithisayo, amlumkise umzalwana wakhe emcimbini lowo; ngenxa enokuba iNkosi ngumphindezeli wazo zonke ezi zinto, njengoko sasinixelele ngenxa engaphambili, saniqononondisa. Kuba uThixo akasibizelanga ekungcoleni; usibizele ebungcwaliseni. Ngako oko ke lowo ugibayo, akagibi mntu, ugiba uThixo, owasinikayo nokusinika uMoya wakhe oyiNgcwele.