KWABASETESALONIKA I 4:1-8
KWABASETESALONIKA I 4:1-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Elokugqiba ngoko, bazalwana, siyanicela siniyala siseNkosini uYesu, ukuba nithi, njengokuba nakwamkelayo kuthi, okokuba nimelwe kukuthini na ukuhamba nokumkholisa uThixo, nikhule kuko ngakumbi. Kuba niyazi ukuba zaba ziziyalo zini na, esaniyala ngazo ngeNkosi uYesu. Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo; ukuba elowo kuni ákwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya• enobungcwalisa, enembeko; angathabatheki yinkanuko, njengeentlanga ezingamaziyo uThixo; ukuba kungabikho ugqithisayo, amlumkise umzalwana wakhe emcimbini lowo; ngenxa enokuba iNkosi ngumphindezeli wazo zonke ezi zinto, njengoko sasinixelele ngenxa engaphambili, saniqononondisa. Kuba uThixo akasibizelanga ekungcoleni; usibizele ebungcwaliseni. Ngako oko ke lowo ugibayo, akagibi mntu, ugiba uThixo, owasinikayo nokusinika uMoya wakhe oyiNgcwele.
KWABASETESALONIKA I 4:1-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngaphezu koko, mawethu, sanifundisa indlela yobomi obumkholisayo uThixo. Le ke phofu yindlela ebeniphila ngayo kakade. Kodwa ke ngoku, njengoko nimanywe neNkosi uYesu, sinicela sinicenga-cenga ukuba nenze ngakumbi. Kaloku niyayazi imiyalelo esaninika yona ngegunya leNkosi uYesu. UThixo uthanda ukuba nibe nyulu, nikucezele ukurheletya. Umntu ofuna umfazi makathathe umfazi ahlale naye ngobunyulu nembeko, iinkanuko angaziphi nomtyhi lo njengâbo bangamaziyo uThixo. Ngokukwanjalo ke makungabikho bani umonayo okanye umvuyelelayo umwabo kulo mbandela. Sesinilumkisile ngaphambili ukuba iNkosi iya kubohlwaya abo benza izinto ezinjalo. Kaloku uThixo akasibizelanga ekungcoleni, koko ufuna sibe nyulu. Ngoko ke, nabani na ongayifuniyo le mfundiso akachasi mntu, uchasa uThixo lo unipha uMoya oyiNgcwele.
KWABASETESALONIKA I 4:1-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Elokugqiba ngoko, bazalwana, siyanicela siniyala siseNkosini uYesu, ukuba nithi, njengokuba nakwamkelayo kuthi, okokuba nimelwe kukuthini na ukuhamba nokumkholisa uThixo, nikhule kuko ngakumbi. Kaloku niyayazi imiyalelo esaninika yona ngeNkosi uYesu. Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo; ukuze elowo kuni akwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya enobungcwalisa, enembeko; kungabi ngenkanuko, njengeentlanga ezingamaziyo uThixo; Ukuba kungabikho ugqithisayo, amlumkise umzalwana wakhe emcimbini lowo, ngenxa enokuba iNkosi ngumphindezeli wazo zonke ezo zinto, njengoko sasinixelele ngenxa engaphambili, saniqononondisa. Kuba uThixo akasibizelanga ekungcoleni; usibizele ebungcwaliseni. Ngoko ke lowo ugibayo, akagibi mntu, ugiba uThixo, owasinikayo nokusinika uMoya wakhe oyiNgcwele.
KWABASETESALONIKA I 4:1-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
OKO kuseleyo ke, bazalwana! siyanitandaza siniyale ENKOSINI u‐Yesu, ukuba niti, njengokuba nikwamkele kuti okokuba nifanele ukuti nina ukuhamba nokukolisa UTIXO, kwa njalo nikolise ukwanda kuko ngakumbi. Ngokuba nisazi iziyalelo zinina esaninika zona ngayo INKOSI u‐Yesu. Ngokuba oku kuyintando KATIXO, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nizile umbulo: ukuba ati omnye nomnye wenu akwazi ukubamba eyake impahla ebungcweleni nasekubekweni; kungabi ekuveni okubi kwenkanuko, kwa njengokuba besenje njalo nabaheyideni abangamaziyo UTIXO; ukuba kungabiko oti agqite alumkise umzalwana wake kulendawo: ngokokuba INKOSI ingumpindezeli ngazo zonke ezizinto, njengokuba kanjalo besinixelele pambili saninqi̔nisela. Ngokuba UTIXO engasibizelanga ubunco̔la, koko esibizile ukuba sibe sebungcweleni. Ngako ke lowo walayo, akali umntu, koko esala UTIXO, ote kanjako wasinika UMOYA WAKE OYINGCWELE.