Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Tesalonika 4
4
1OKO kuseleyo ke, bazalwana! siyanitandaza siniyale enkosini u‐Yesu, ukuba niti, njengokuba nikwamkele kuti okokuba nifanele ukuti nina ukuhamba nokukolisa utixo, kwa njalo nikolise ukwanda kuko ngakumbi. 2Ngokuba nisazi iziyalelo zinina esaninika zona ngayo inkosi u‐Yesu. 3Ngokuba oku kuyintando katixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nizile umbulo: 4ukuba ati omnye nomnye wenu akwazi ukubamba eyake impahla ebungcweleni nasekubekweni; 5kungabi ekuveni okubi kwenkanuko, kwa njengokuba besenje njalo nabaheyideni abangamaziyo utixo; 6ukuba kungabiko oti agqite alumkise umzalwana wake kulendawo: ngokokuba inkosi ingumpindezeli ngazo zonke ezizinto, njengokuba kanjalo besinixelele pambili saninqi̔nisela. 7Ngokuba utixo engasibizelanga ubunco̔la, koko esibizile ukuba sibe sebungcweleni. 8Ngako ke lowo walayo, akali umntu, koko esala utixo, ote kanjako wasinika umoya wake oyingcwele.
9Kekaloku ukutanda abazalwana aninakuswela ukuba ndiba̔le kuni ngako; ngokuba nina ngokwenu ndifundiswa ngutixo ukuba nitandane: 10ewe okunene niyakwenza kwa kona ngakubo bonke abazalwana abakuyo yonke i‐Masedoniya. Kodwa siyanikunga, bazalwana! ukuba nikolise ukwanda ngakumbi; 11nokuba nizamele ukuba sekuzoleni, nokuyenza eyenu imicimbi, nokusebenza ngezenu izandla, njengoko saniyalelayo: 12ukuze nihambe ngokufanelekileyo ngakubo abapandle, niti kanjalo ningabi nakuswela luto.
13KODWA anditandi ukuba nibe ningenakwazi, bazalwana! ngabo balele kukufa, ukuze ningabi lusizi, njengokuba benjalo nabanye abangenalo itemba. 14Ngokuba sakukolwa ukuba u‐Yesu wafa wabuya wavuka, kwa njalo abo balala kukufa ngaye u‐Yesu utixo wobazisa kunye naye. 15Ngokuba oko sikutsho kuni elizwini lenkosi, ukuba tina bahleliyo abo basalela ekufikeni kwenkosi asisayi kupangela abo balala kukufa: 16kuba yona inkosi ngokwayo iya kuhla ezulwini ngendanduluko, ngelizwi lengelosi enkulu, nangexilongo likatixo, bati abafileyo ku‐Kristu bavuke tanci; 17sandule ukuti tina bahleliyo abo baseleyo sisuselwe kwa kunye nabo emafini ukuya kukaulela inkosi esibakabakeni; nangokunjalo siya kubako nenkosi ngamaxesha onke. 18Ize niti ngoko nonwabisane ngalamazwi.
Currently Selected:
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Tesalonika 4: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.