KwabaseTesalonika 1 4:1-8

KwabaseTesalonika 1 4:1-8 CXB24

Elokugqiba ngoko, bazalwana, siyanicela siniyala siseNkosini uYesu, ukuba nithi, njengokuba nakwamkelayo kuthi, okokuba nimelwe kukuthini na ukuhamba nokumkholisa uThixo, nikhule kuko ngakumbi. Kaloku niyayazi imiyalelo esaninika yona ngeNkosi uYesu. Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo; ukuze elowo kuni akwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya enobungcwalisa, enembeko; kungabi ngenkanuko, njengeentlanga ezingamaziyo uThixo; Ukuba kungabikho ugqithisayo, amlumkise umzalwana wakhe emcimbini lowo, ngenxa enokuba iNkosi ngumphindezeli wazo zonke ezo zinto, njengoko sasinixelele ngenxa engaphambili, saniqononondisa. Kuba uThixo akasibizelanga ekungcoleni; usibizele ebungcwaliseni. Ngoko ke lowo ugibayo, akagibi mntu, ugiba uThixo, owasinikayo nokusinika uMoya wakhe oyiNgcwele.