UNAWO uMthandazo!Isampulu
Izitshixo ezithandathu zoMthandazo Oqinileyo noLinganayo - Icandelo lesibini
4. Vakalisa iimfuno neentswelo zakho ngenkqu kuThixo, kwaye umcele azifezekise. “Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla…”
Uthando lukaThixo kuwe lunzulu, aluphelendawo kwaye alunamiqathango, eBhayibhileni ikakhulu luthelekiswa nemfesane yothando lukatata umntwaneni wakhe, Ufuna ukuva ukuba uthini umntwana wakhe (nguwe ke, lowo); ufuna ukuva ngobomi bakho, iimfuno neminqweni, ufuna uze kuye ngezo mfuno. Uthando lwakhe kuwe lumqhubela ekubeni akusikelele ngaphezu kwento onokuze uyicinge.
5. Cela uThixo azixolele izono zakho, engayilibalanga imfuneko yokuxolela abanye abanokuba bakuhlungisile. “Usixolele amatyala ethu njengokuba nathi sibaxolela abasonayo.”
Ukucela uThixo ukuba asixolele izono zethu kuqala ngokuthi siqale ngokuzivuma apha kuthi ezo zono, sandule ke ukuzivuma kuThixo.
“Ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.” 1 KAYOHANE 1:9
Ungaqiniseka ukuba uThixo ukuxolele kwaye ukuhlambulule ezonweni zakho. Oko kuxolelwa kuhamba nenkululeko kwisazela, ihlazo nokugwetywa.
Kodwa uThixo ukwacela okokuba njengoko esixolele. nathi sibaxolele abasonileyo. Njengoko ukuxolelwa nguThixo kusikhulula, kunjalo nokuxolela abanye abantu – ukungabi namsindo, nanzondo nokungavumeli ukuhlungiswa kwexesha eladlulayo ukuba kusoloko kukuhlungisa.
Uxolelo, ukulwamkela nokulunika, ngundoqo wokuphila ubomi obukhululekileyo kuKrestu.
6. Thandazela ukukhokelwa nguThixo akuncede uziphephe izilingo neemeko ezingambonisi kakuhle. “…ungasiyekeli ekulingweni, kodwa usihlangule kumtyholi.”
UThixo uzixolele izono zethu waza wasihlangula kuko konke okungalunganga njengoko kuthenjiswe njalo ku1 ka Yohane, kodwa siza kusoloko sidibana nezilingo, kweli hlabathi liwileyo. Le ndawo yoMthandazo weNkosi igxininisa ukubaluleka kokungafane nje wonwabe waneliseke kukuxolelwa nguThixo, ungakhange ukugqale ukubaluleka kokuphepha isono kwixesha elizayo. Noxa uThixo ngokusixolela esusa isono esisisohlwayo somphefumlo, ngokufunekayo akazisusi iziphumo ezenzakalisayo zesono. Ngoko ke, kubalulekile ukuthandaza ucele uncedo lukaThixo lokuphepha isilingo.
Yonke imihla, qala ngokunika uThixo naliphi na ixesha onokumnika lona ngovuyo ngokuthi uthandaze. UThixo akanamlinganiselo wokuba uwufezekise imini nganye. Ngaphezu koko, ngamanye amaxesha iza kuba ngumngeni into yokusoloko uphaphile kwaye uphepha “ukungozeli.” Ungatyhafi; ukuba uza kuba ngosikelelweyo kaThixo ngokunikela ixesha lakho kuye ngomthandazo.
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Fumana imithethosiseko yokwenza ubomi bokuthandaza obunamandla nobusebenzisekayo. Umthandazo – ukuthetha noThixo wena ngenkqu – sisitshixo sokubona inguqu eyakhayo ebomini bethu nakukosingqongileyo.
More
Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/