UNAWO uMthandazo!Isampulu

UNAWO uMthandazo!

Usuku 5 LWE 6

Izitshixo ezithandathu zoMthandazo Oqinileyo noLinganayo – iCandelo lokuQala

1. Yazi ukuba uthetha nabani. “UThixo wethu osezulwini…”

Xa uYesu wayeyalela abalandeli bakhe ukuba bathethe noBawo ngqo, kungenzeka olo luvo lothusa. KwiTestamente eNdala iphela, indlela yomntu nje yokwenza isicelo kuThixo yayikukucela umfundisi. Ngethamsanqa, uYesu weza kuyiguqula yonke loo nto.

Ngenxa yokuzenza idini elifezekileyo kukaYesu emnqamlezweni ukuquma isono sethu, amakholwa ngoku anxibelelana ngqo noBawo. Kungoko sithandaza uBawo oseZulwini “egameni likaYesu.” Phofu, akukho zindlela zimiselweyo zokuthandaza, kwaye ukuthandaza uYesu kubaluleke njengokuthetha noBawo ngokwakhe. Into ebaluleke kakhulu ngoku kukukhumbula ukuba akukho mqobo wonxibelelwano phakathi kwakho noThixo.

2. Cinga nzulu kwaye uvakalise uthando nombulelo wakho ngazo zonke izinto akwenzele zona. “…malingcwaliswe igama lakho…”

Ngokubeka ecaleni isiqephu somthandazo wakho ukuze ugxile ngokukodwa kumbongo nothando, ususa ukugxila kuwe. Noxa uThixo efuna ukuva iimfuno neminqweno yethu, ukwafuna nokokuba sibonise umbulelo ngayo yonke into ayenzileyo kwaye siyiqonde into yokuba le nto “ayingathi yeyethu.” Eneneni, le nto ingoThixo. NguThixo oyimvuzemvuze nonothando, kwaye ufanelwe ngumbongo nozuko. Xa ucinga nzulu ngeentsikelelo uThixo akunike zona nenyhweba engakholelekiyo yokuba nolwalamano naye, uza kufumana iyinto elula ukuvakalisa kuye umbulelo nothando. Uza kuphinda ufumane kunzima kakhulu ukugxila kuwe.

3. Thandazela ukuba iinjongo zikaThixo ngecawe yakhe nangobomi bakho zizaliseke ngokupheleleyo. “…ubukumkani bakho mabufike, intando yakho yenzeke emhlabeni njengasezulwini.”

Umthandazo ozele ludlamko nonamandla siwufumana xa sizisusa kwiingxaki zangaphambili iingqondo zethu sizisa kwizinto ezinkulu kakhulu ezinokwenzeka kwixesha elizayo. Ngokusoloko uhleli kwizinto zakho ezadlulayo kuza kuqhobosheka ikamva lakho. Thabatha imbono kaThixo, kwaye ungayivumeli imingeni yangaphambili okanye ukusilela kugubungele iingcinga zakho kwaye kuqhoboshe ukucinga kwakho, Xelela uThixo iminqweno yakho yokufikelela kumandla akho apheleleyo kuKrestu, umcele akuncede wandise umbono namaphupha akho.Ufuna ufeze injongo yakhe epheleleyo ebomini kwanaleyo yeCawe yakhe.

Usuku 4Usuku 6

Malunga nesi Sicwangciso

UNAWO uMthandazo!

Fumana imithethosiseko yokwenza ubomi bokuthandaza obunamandla nobusebenzisekayo. Umthandazo – ukuthetha noThixo wena ngenkqu – sisitshixo sokubona inguqu eyakhayo ebomini bethu nakukosingqongileyo.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/