UNAWO uMthandazo!Isampulu
Umthandazo wakho ngenkqu
Ukuthandaza kunye nabahlobo, usapho kanye nokuthandaza phambi kwesidlo zindlela ezibalaseleyo zokunxibelelana noThixo embonakalweni. Kodwa ngaphezu kokuthatha inxaxheba ekuthandazeni kunye nabanye, uThixo ufuna sithathe inxaxheba kwanasekuzithandazeleni sisodwa ngasese – wena noThixo kuphela. Nantsi into ethethwa nguYesu ngokuzithandazela ngasese:
“Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.” UMATEWU 6:6
Imiyalelo kaYesu yokuba sithandaze ekhusini ibonisa ukuba uThixo ngenkqu unomdla kakhulu ebomini bethu. Umnqweno wakhe kukuqinisa ulwalamano lwethu naye ngenkqu ngokunxibelelana ubuso ngobuso. UThixo uyakuqaphela ukuzinikela kwakho ekubeni ube nobudlelane bangasese naye, kwaye uthembisa ukukuvuza nokukusikelela.
UThixo ukwafuna ukuba sinyaniseke kwaye sikhululeke ekunxibelelaneni kwethu naye, njengoko besinokwenza kosimthandayo. Noxa ukugqaya imithandazo ngentloko kulungile, inyaniso yeyokuba uThixo unqwenela okokuba sizibonakalise ngenyaniso kuye kunokuzibonakalisa nje ngothotho lwamagama esiwagqaye ngentloko.
“Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. Ze ningafani nabo, kuba uYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekaceli.” UMATEWU 6:7-8
Noxa uThixo sele eyazi into esiyifunayo nesiyisweleyo singekaceli, ukwayifuna into yokuba ezo zicelo sizenze ngokuthembeka nokulindela ukuba usoloko efuna ukusenzela okuhle kodwa. Unqwenela ukuphendula umthandazo ngamnye ngothando nagentembeko.
Omnye umba obalulekileyo ngomthandazo ngenkqu kukuzingisa nokungaguquguquki. UThixo akadinwa konke kukuva izicelo zethu, nokokuba ikwazezo besizicelile kuye ngaphambili. Nantsi into ethethwa nguYesu malunga nokukhuthala kwimithandazo yethu:
“Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa; 8kuba wonke umntu ocelayo uyazúza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uyavulelwa.” UMATEWU 7:7-8
Ukubeka ecaleni yonke imihla ixesha lokunxibelelana ngenkqu noThixo kubalulekile ekukhuleni kuhambo lwethu lobuKrestu. Zama usuku ngalunye ukukhetha ixesha apho ungazi kuphazamiseka khona; kwaye ungazikhathazi ngokuba uThixo unewotshi yakhe ayimisayo aphinde ayihambise ukubona ukuba umnika ixesha elingakanani na. Akayenzi loo nto. Into ayifunayo nje nguwe. Imfihlo, ukuthembeka nokuzingisa ziimpawu ezintathu ezibaluleke kakhulu zexesha lokuthandaza ubuso ngobuso noThixo, kwaye ziza kukunceda wakhe ulwalamano olushushu naye. Uza kulithanda eli xesha lixabisekileyo, kwaye uza kuthembela kuye ngendlela ongazange wenjenjalo ngayo ngaphambili.
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Fumana imithethosiseko yokwenza ubomi bokuthandaza obunamandla nobusebenzisekayo. Umthandazo – ukuthetha noThixo wena ngenkqu – sisitshixo sokubona inguqu eyakhayo ebomini bethu nakukosingqongileyo.
More
Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/