Ubizo lobuNkokeli boMkhonziIsampulu
Iinkokeli ziChukumisa aBantu
Cinga ngabantu abanempembelelo enkulu ebomini bakho, bekuchukumisa – ngokwasemzimbeni okanye ngokweembono – ukusuka kwenye indawo ukuya kwenye. Inyaniso yeyokuba inkokeli ngumntu othi, ngesakhono asinikwe nguThixo kunye noxanduva, asabele kuloo meko enomnqweno wokuqhubela abantu kwiinjongo zikaThixo ngabo. Kwiinkokeli zeBhayibhile ezinjengoMoses, uNehemiya, nabanye, sinokufunda oko kuthethwa kukuqhutywa, kungekhona ngokucingela iziqu zabo, kodwa ngenjongo yobuthixo.
UMoses wakhulela kwikhaya elikhethekileyo laseYiputa, emva koko wabalekela entlango apho waba ngumalusi. Ndihlala ndizibuza ukuba ngekwenzeke ntoni kuMoses ukuba wayengazange adibane kunye noThixo kwityholo elivuthayo. Kodwa uThixo wazibonakalisa ngokungaphazamiyo waza wazisa izinto ezithile zemeko yabantu bakhe – kunye nokubandezeleka kwabo – kwingqwalasela kaMoses. Enyanisweni, uMoses wasifumana isikhundla sakhe sobunkokeli ngenxa yemeko embi ababekuyo abantu bakaThixo, yokwenziwa amakhoboka ngamaYiputa, yaye iinkokeli ezininzi ukususela kuMoses ziye ziphakame zibe ziinkokeli ngenxa yemeko embi yabantu abaziva benyanzelekile ukuba babakhonze.
UMoses wayeligorha lomthandazo kunye nomprofeti kwaye engumenzi wemimangaliso, ukanti ubunkokeli bakhe abuzange buchazwe ngayo nayiphi na kwezi zinto, nangona zazibalulekile zonke. Kunoko, ukhokelo lwakhe lwaluchazwa yindlela awabafudusela ngayo abantu bakaThixo enkululekweni. Izixhobo okanye iinkqubo zobunkokeli ziyindlela nje yokufikelela esiphelweni. Isiphelo kukufika kwabantu bakaThixo kwindawo abasingise kuyo uThixo. Kubalulekile ukuba singagxili kakhulu kwizixhobo zobunkokeli, endaweni yokugxila kwindawo esisa kuyo abantu.
Okubangel’ umdla kukuba, uMoses akazange angene kwiLizwe Ledinga. Umbono wakhe ngabantu wawungekho ngaye, kwaye waphila ngaphaya kwakhe. Ezinye iinkokeli, kwelinye icala, ziphelela “kwiLizwe Ledinga” ngokwentetho, babe aba bantu kucingelwa ukuba ziyabakhokela “beseseYiputa”. Inkokeli yokwenene, iqhutywa yinjongo hayi ukuzicingela, ayishiyi mntu ngasemva. Inkokeli isebenza njengebhulorho phakathi kwexesha elidlulileyo labantu kunye nekamva labantu. Ingumxhasi wesiphelo sobizo lwaloo mntu, kwaye ubunkokeli bayo buchazwa ngendlela ubomi babantu obuye baguqulwa ngayo phantsi kweempembelelo zayo.
Xa sikhokela ngendlela uYesu afuna ukuba sikhokele ngayo, siba nendawo engqondweni esifuna ukubabeka kuyo abanye, hayi iziqu zethu. Wanga uThixo angasinika ukuqonda nokuqiqa ukuze sichonge apho Afuna ukubasa khona abantu baKhe, nobulumko bokubakhokelela kwicala elililo, sibase kwindawo elungileyo abaza kuphelela kuyo. Kwaye, yanga singaba namandla okuzincama sizandlale phantsi njengebhulorho phakathi kwexesha elidlulileyo labantu kunye nekamva labo eliqaqambileyo, sibakhumbuze ukuba kuhlala kukho ithemba.
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Sibizelwe ukukhokela njengoko wayesenza uYesu. Ubunkokeli buqala ngomntu, kungekhona isikhundla, yaye injongo yobunkokeli kukushukumisela abantu bakaThixo kwiinjongo Zakhe. Ufundo ngalunye lwemihla ngemihla luya kukunceda ubeke iziseko eziluqilima kwimeko yobunkokeli bakho, ikukhumbuze ukuba ngaphambi kokuba ube yinkokeli ungumkhonzi, kwaye ngaphambi kokuba ube ngumkhonzi ungumntwana oyintanda kaThixo.
More
Sithanda ukubulela Afrika Mhlophe ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://afrikam.co.za/