Ubizo lobuNkokeli boMkhonziIsampulu

Ubizo lobuNkokeli boMkhonzi

Usuku 4 LWE 5

Ubunkokeli obukhuselweyo

Kulula ukucinga ukuba ubunkokeli kunye nokuba ngumkhonzi akudibani nganto. Kodwa ukuba siza kukhokela njengoYesu, kumele sikhululeke ekukhonzeni ngendlela awayesenza ngayo. Inkokeli engumkhonzi ingumkhonzi kuqala ngaphambi kokuba ibe yinkokeli. Okubangel’ umdla kukuba, kwisiqingatha sokuqala sevangeli kaMarko, uYesu uchazwa njengomkhonzi owayelawula, yaye kwinxalenye yokugqibela njengomlawuli owayekhonza.

Asinakuze siqhayise ngosindiso lwethu kuba sisipho sobabalo esivela kuThixo. Olo babalo lunye, lulo olwasibizela kubuvangelieli bobunkokeli, ngoko ke asinakuqhayisa nangaloo nto. Oku kuyaphikisana nembono eqhelekileyo yokuba ubunkokeli kukunyuselwa okuzuziweyo. Ngaphambi kokuba uYesu aqalise ubuvangeli baKhe basesidlangalaleni, uYise wamsikelela waza wamvuma uYesu ngokuthi, “Lo nguNyana wam, oyintanda; endikholisiweyo nguye.” (Mateyu 3:17) UYesu wayengekashumayeli okanye engekenzi nommangaliso omnye, kodwa uThixo wayemxabisile waza wamamkela ngokupheleleyo. Ukuba ungumzali, uya kwazi ukuba uyabathanda abantwana bakho ngenxa yokuba bengabakho; awubathandi kuphela xa beziphethe kakuhle. Ukanti mhlawumbi ungazibhaqa uziva ngathi ufuna ukwenza izinto ngokomgangatho othile njengenkokeli ukuze ufumane inkoliseko okanye umsa kaThixo. Ziqhelise ukuzichazela ukuba ungumntwana kaThixo ngokuzalwa, hayi ngokuziphatha.

KuLuka 10, sibona uMarta efumana ubungqina kumsebenzi awabelwe wona, ngoxa uMariya efumana ubungqina ezinyaweni zikaYesu. Qonda ukuba bubudlelwanekuqala, emva koko luxanduva. Njengenkokeli, ukukhonza kwakho ngumsebenzi, hayi isikhundla, kwaye ayikokuhliselwa.

Ubuvangeli bukaYesu babugxile kwabanye. Wayesebenza kwaye ekhokela ngokudambisa iintlungu zabantu kunye nokukhathalela impilo-ntle yabo. Ngokwahlukileyo koko, ubuvangeli beenkokeli ezininzi zamaKristu namhlanje busekelwe kwiziqu zabo. Ngokomzekelo, kukho ixesha apho uYesu wondla abantu abayi-5000 ngezonka neentlanzi ezimbalwa. Namhlanje, uSathana uwujikile lo mzekelo, kwaye sineecawe apho abantu abangama-5000 besondla indoda enye: umfundisi okanye inkokeli. Okulusizi kukuba, imbali yecawe izele bubungqina bokuba izinto azihambi kakuhle kuluntu apho umfundisi engoyena ndoqo wobunkokeli. Kunoko, inkokeli ngumntu osebenzisa igunya ukuze kulungelwe abantu bakaThixo. Kweli cala, inkokeli iphethe ikrele loMoya ukulwa neentshaba zikaThixo nokukhusela abantu baKhe. Kwelinye icala, inkokeli iphatha itawuli yobukhoboka, ilungele ukuhlamba iinyawo ngendlela uYesu awayesenza ngayo.

Namhlanje, zikhumbuze ngobuni bakho: ungumntwana kaThixo. Ngolo hlobo, akukho nkonzo inokunciphisa okanye inyuse ixabiso lakho kuYe. Uthwele ubabalo lukaThixo kunye nokuthanjiswa, kuba kukho imfazwe yokomoya emele ilwelwe isiphelo sabantu obakhathalelayo. Yanga sonke isenzo sakho sobunkokeli bomkhonzi singavela kwindawo yokhuseleko olunzulu kuthando lukaBawo wakho waseZulwini kwaye, yanga zonke iinjongo zakho zokukhonza kunye nokukhokela zingayingenelo kwabanye.

Usuku 3Usuku 5

Malunga nesi Sicwangciso

Ubizo lobuNkokeli boMkhonzi

Sibizelwe ukukhokela njengoko wayesenza uYesu. Ubunkokeli buqala ngomntu, kungekhona isikhundla, yaye injongo yobunkokeli kukushukumisela abantu bakaThixo kwiinjongo Zakhe. Ufundo ngalunye lwemihla ngemihla luya kukunceda ubeke iziseko eziluqilima kwimeko yobunkokeli bakho, ikukhumbuze ukuba ngaphambi kokuba ube yinkokeli ungumkhonzi, kwaye ngaphambi kokuba ube ngumkhonzi ungumntwana oyintanda kaThixo.

More

Sithanda ukubulela Afrika Mhlophe ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://afrikam.co.za/