Ubizo lobuNkokeli boMkhonziIsampulu
Ukubeka Isiseko Esifanelekileyo
Ngaphakathi, siyaqonda ukuba abantu abalungileyo benza iinkokeli ezilungileyo, kwaye iinkokeli ezilungileyo zenza imibutho elungileyo. Kodwa ukubeka iziseko ezifanelekileyo zobunkokeli bomkhonzi kubomi bethu, kufuneka sifumane ulungelelwaniso oluchanekileyo: isimilo ngaphambi kwesikhundla.
Uninzi lwabo banqwenela ubunkokeli abaqondi ukuba ubunkokeli bumalunga nantoni na. Mhlawumbi uchongiwe wafakwa kwisikhundla sobunkokeli ngaphandle kokuqonda kakuhle ukuba yintoni indima yaso. Kukho amacandelo amathathu aphambili kubunkokeli: inkokeli ngokwayo, abalandeli, kunye nemeko. Intsingiselo yeyokuba ubunkokeli buqala ngomntu, hayi isikhundla. Inkokeli ayingomntu onesikhundla okanye iwonga elichaziweyo. Ngumntu obonisa izinto azixabisileyo, indlela azibona ngayo izinto, kunye nobuqu bakhe kuloo meko ajongene nayo, ukuze azisa umkhombandlela kunye nenkqubela. Ke, imibutho elungileyo izalwa ngenxa yeenkokeli ezilungileyo, kwaye iinkokeli ezilungileyo zivela kubantu abalungileyo: abantu abaneendlela zokuziphatha kakuhle ezimandla kunye neenkolelo ezicacileyo.
Njengenkokeli, kufuneka ucacise kwangaphambili ukuba usingise phi, kuba indawo ekujoliswe kuyo iya kugqiba ukuba ngawaphi amazwi owamamelayo. Kufanelekile ukuba uzibuze: Ngaba ndisicacisile isiphelo sam? Ngaba loo nto indincedile ukuba ndihlolahlole izinto endinokukhetha kuzo njengenkokeli? Ngubani okanye yintoni eqinisekisayo okanye endisekela kuyo ukuba ndisingise kweliphi icala?
Iinkokeli ezingamaKristu zingamaKristu ngaphambi kokuba zibe ziinkokeli. Kwaye, okumangazayo, iinkokeli zamaKristu zingabalandeli kuqala – kwaye zihlala zingabo – kuba zihlala zilandela uYesu. Kum njengomlandeli kaKristu, ubunkokeli kufuneka bube yimbonakaliso yesimilo sikaKristu. Akukho malunga nokwenza izigqibo kunye nokudlulisela umsebenzi kwabanye kuba ukwisikhundla solawulo. Kumalunga nokuphila ubomi obufanele ukulinganiswa. Cinga ngento enokutshintsha kwindawo ohlala kuyo ukuba abantu bangaqala ukukhokela ngolu hlobo. Kananjalo, qwalasela ukuba ngubani okulandelayo ngoku – kwaye ngoba.
UYesu wayicazulula imfihlelo yokuba ubunkokeli bunxulunyaniswa newonga okanye isikhundla, yaye umzekelo Wakhe wobunkokeli usikhusela kwingozi yokuthabatheka yimpembelelo negunya. Iimbono zakhe ngobunkokeli zazahluke kakhulu kwinto abafundi bakhe ababeqhele ukuyibona kwinkcubeko yelo xesha, kwaye zahluke kakhulu nakwinkcubeko yobunkokeli beli hlabathi lethu. Okubangel’ umdla kukuba, abalandeli nabahlobo bokuqala bakaYesu babengazi ukuba babeza kuba nempembelelo kangakanani na. Bamlandela uYesu, nangona kunjalo. Mhlawumbi ungacinga ngeenkokeli ezabumba iingcamango zezizukulwana zibe zingaqondi ngelo xesha ifuthe elingenakulibaleka eziya kulenza ehlabathini, okanye iinkokeli ezifundisekayo, njengoko babenjalo abafundi, ezisoloko zikhangela iindlela zokufunda nokuphucuka.
UYesu usekwishishini lokwenza iinkokeli – kodwa ngaba sisekumsebenzi wokumlandela? Masizibuze thina buqu kunye nomnye nomnye ukuze siphendule apho sikholisa ukulandela imizekelo yobunkokeli engahambelani neenqobo ezisemgangathweni zikaKristu. Masibeke isiseko esisiso sobunkokeli bomkhonzi, sikhumbule ukuba ubunkokeli buphuma emntwini, hayi kwisikhundla, kwaye sizame ukuba luhlobo lwabantu olwenza abanye bakhuthazeke ukuba babalinganise.
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Sibizelwe ukukhokela njengoko wayesenza uYesu. Ubunkokeli buqala ngomntu, kungekhona isikhundla, yaye injongo yobunkokeli kukushukumisela abantu bakaThixo kwiinjongo Zakhe. Ufundo ngalunye lwemihla ngemihla luya kukunceda ubeke iziseko eziluqilima kwimeko yobunkokeli bakho, ikukhumbuze ukuba ngaphambi kokuba ube yinkokeli ungumkhonzi, kwaye ngaphambi kokuba ube ngumkhonzi ungumntwana oyintanda kaThixo.
More
Sithanda ukubulela Afrika Mhlophe ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://afrikam.co.za/