Ukuthetha NoThixo NgomthandazoIsampulu
UKULANGAZELELA UTHIXO
UKUTHETHA NOTHIXO
Mbulele uThixo ngokuba uyakuthanda kwaye ufuna ufunde ukuthetha naye ngomthandazo. Cela uThixo akufundise indlela yokuthandaza.
SINGENE EMXHOLWENI
Yenza iiseti ezintathu zamakhadi amanqaku ezinalamagama/amabinzana alandelayo kuwo: utatomkhulu nomakhulu, umhlobo osenyongweni, umfundisi wakho, unobhala wevenkile yokutya kunye nomzala wommelwane. Yandisa umqulu wokuqala ngokomntu othetha naye kakhulu phezulu kunye noyena mntu othetha naye kambalwa ezantsi. Lungiselela iseti yesibini ngendlela efanayo, umntu ofuna ukuba naye phezulu. Ngqamanisa iseti yesithathu ecaleni kwezinye ezi zimbini, oyena mntu umkhumbula kakhulu phezulu. Thelekisa ukuba lufana kangakanani na uluhlu lwakho.
SINGENE NZULU
Umthandazo kukuthetha noThixo, okuthandayo nokufunayo okona kukulungeleyo. Njengokuba usenokukhumbula umntu omthandayo xa engekho, umoya wakho uyamkhumbula uThixo xa ungachithi xesha naye. IBhayibhile idla ngokuthi oku kulangazelela ukuba kunye noThixo kufana nokunxanwa okanye ukulamba. Funda iNdumiso 42:1-2: “Njengexhama elitsalela emifuleni yamanzi, wenjenjalo ukutsalela kuwe, Thixo, umphefumlo wam; umphefumlo wam unxanelwe uThixo, uThixo ophilileyo; Ungaya kuThixo ngomthandazo umfumane, kanye njengokuba ixhama lifumana amanzi emfuleni xa linxaniwe.
UKUTHETHA OMNYE KOMNYE
- Ucinga ngantoni xa ulambile okanye unxaniwe?
- Ukuba kunye noThixo kufana njani nokuba kunye nomntu omthandayo? Yahluke njani?
- Ungatsho njani ukuba umoya wakho ukunxanelwe ukuba noThixo?

IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Ubomi bosapho buyakwazi ukuxakeka, kwaye singakwazi ukuthandaza ngalo lonke ixesha—singasathethi ke ngokukhumbula ukunceda abantwana bethu bahlakulele isimo sokubandakanya uThixo ebomini babo bemihla ngemihla. Kwesi isicwangciso, usapho lwakho luyakubona indlela uThixo afuna ukuva ngayo kuthi kwakunye nendlela umthandazo ubuqinisa ngayo ubudlelwane bethu Naye, kunye nabantu abasingqongileyo. Usuku ngalunye luquka umthandazo, iSibhalo esifutshane kunye nengcaciso, umsebenzi eninowenza, kunye nemibuzo emaniyi xoxe.
More
Sithanda ukubulela iFocus on the Family ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: www.FocusontheFamily.com