Ukuthetha NoThixo NgomthandazoIsampulu

Talking With God In Prayer

Usuku 3 LWE 4

UKUFUMANA UXOLELO

UKUTHETHA NOTHIXO
Uthe cwaka vuma izinto ozenzileyo ezibuhlungu kwabanye. Cela uxolo kuThixo. Mbulele ke ngokukuxolela.

SINGENE EMXHOLWENI
Xa niphinda nisitya njengosapho, wonke umntu aze anxibe ii-earplug okanye ii-earphone kodwa nithethisane nje ngesiqhelo, ningazami ukuncedisana ukuba nivane. niphinde nizinxibe xa niqoqosha itafile.

SINGENE NZULU
Xa ungezi kuThixo ukuze uxolelwe, kuba ngathi akufuni ukumphulaphula. Ngokungamva uThixo, uyazahlula kuye, njengokuba ubungaliva kakuhle usapho lwakho. Funda iNdumiso 32:5, “Ndasivuma isono sam kuwe, ubugwenxa bam andabugquma. Ndathi, 'Ndakuluvuma ukreqo lwam kuYehova' —Wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam." Xa ucela uxolo, uThixo uyakuxolela. Kuba ngathi ususa izinto ezivale indlebe zakho, kwaye unokumva kwakhona.

UKUTHETHA OMNYE KOMNYE
- Ngaba ukhe wayigcina iyimfihlo into oyenzileyo engalunganga? Ukuba kunjalo, ukuzama ukufihla le mfihlelo kwakwenza waziva njani?
- Yintoni enokukuthintela ukuba uye kuThixo kwaye uvume isono?
- Uziva njani xa umntu ekuxolela ngento oyenzileyo?
Usuku 2Usuku 4

Malunga nesi Sicwangciso

Talking With God In Prayer

Ubomi bosapho buyakwazi ukuxakeka, kwaye singakwazi ukuthandaza ngalo lonke ixesha—singasathethi ke ngokukhumbula ukunceda abantwana bethu bahlakulele isimo sokubandakanya uThixo ebomini babo bemihla ngemihla. Kwesi isicwangciso, usapho lwakho luyakubona indlela uThixo afuna ukuva ngayo kuthi kwakunye nendlela umthandazo ubuqinisa ngayo ubudlelwane bethu Naye, kunye nabantu abasingqongileyo. Usuku ngalunye luquka umthandazo, iSibhalo esifutshane kunye nengcaciso, umsebenzi eninowenza, kunye nemibuzo emaniyi xoxe.

More

Sithanda ukubulela iFocus on the Family ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: www.FocusontheFamily.com