Ukuthetha NoThixo NgomthandazoIsampulu
UTHIXO UYAKULANGAZELELA
UKUTHETHA NOTHIXO
Mbulele uThixo ngazo zonke iindlela akuthanda ngazo kwaye akukhathalele ngazo. Mcele ukuba akubonise indlela afuna uthetha naye ngayo yonke imihla.
SINGENE EMXHOLWENI
Dwelisa iiglasi zibeliqela ecaleni kwe sinki yasekhitshini. Nganye nganye, zigcwalise. Xoxani ngalento yokuba ungagcwalisa zonke izikhongozeli ezisendlwini kodwa amanzi abe esaphuma empompeni. Ngokufanayo indlela uThixo akulangazelela ngayo ayinasiphelo.
SINGENE NZULU
UThixo ukhona ngamaxesha onke. Kanye njengokuba unokuzalisa enye iglasi ngamanzi ngokulula nje ngokuvula itephu, ngoko unokunandipha ubukhona bukaThixo ngokuya kuye ngomthandazo. Funda uIsaya 30:18: “Ngako oko uYehova uya kukha alinde, ukuze anibabale; ngako oko uya kukha akhwelele phezulu, ukuze abe nemfesane kuni; ngokuba nguThixo wogwebo uYehova; hayi, uyolo lwabo bonke abalindele kuye!" UThixo ufuna ukuba usondele kuye, uzaliswe luthando lwakhe noxolo, kuba ulangazelela oko kukulungeleyo. Nangona uThixo esebenzela wena, ufuna ukuba uphendule kuye, ubonise ukuzimisela ukwabelana naye ngobomi bakho. Enye indlela onokukwenza ngayo oko kukuthetha Naye yonke imihla.
UKUTHETHA OMNYE KOMNYE
- Ngubani othanda ukuthetha naye, kwaye yintoni eyenza lo mntu athandeke kuwe?
- Xela ngexesha apho ubufuna ngokwenene ukuthetha nalo mntu. Kwakutheni ukuze urhalele ukuthetha nalomntu?
- Ngani ukuba uThixo anqwenele ukuba nenceba kuwe?

IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Ubomi bosapho buyakwazi ukuxakeka, kwaye singakwazi ukuthandaza ngalo lonke ixesha—singasathethi ke ngokukhumbula ukunceda abantwana bethu bahlakulele isimo sokubandakanya uThixo ebomini babo bemihla ngemihla. Kwesi isicwangciso, usapho lwakho luyakubona indlela uThixo afuna ukuva ngayo kuthi kwakunye nendlela umthandazo ubuqinisa ngayo ubudlelwane bethu Naye, kunye nabantu abasingqongileyo. Usuku ngalunye luquka umthandazo, iSibhalo esifutshane kunye nengcaciso, umsebenzi eninowenza, kunye nemibuzo emaniyi xoxe.
More
Sithanda ukubulela iFocus on the Family ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: www.FocusontheFamily.com