Ukuthetha NoThixo NgomthandazoSample
![Talking With God In Prayer](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapi.com%2Fhttps%3A%2F%2Fs3.amazonaws.com%2Fyvplans%2F327%2F1280x720.jpg&w=3840&q=75)
UKUDUMISA UTHIXO NGOMTHANDAZO
UKUTHETHA NOTHIXO
Mdumise uThixo ngokwenza wena nayo yonke into onayo, kuquka ukutya, ikhaya kunye nabantu abakuthandayo.
SINGENE EMXHOLWENI
Cinga ngezinto onombulelo ngazo. Yenza uludwe lwe-10 yazo. Xelela umntu ukuba kutheni unombulelo ngento nganye, kwaye udumise uThixo ngako konke akuphe kona.
SINGENE NZULU
Ngokusebenzisa imithandazo emifutshane yeentsikelelo enxulumene nobomi bemihla ngemihla, abantu bafunda ukudumisa uThixo nokuvakalisa umbulelo. Lo mzuzu uvula amehlo akho kusasa, ungathandaza, "Enkosi, Thixo, ngamehlo am. Ndiyabulela kuba ndiyabona." Xa unxiba, unokuthandaza uthi, “Enkosi, Thixo, ngokuhlangabezana neentswelo zam—undinike iimpahla zokunxiba, ezinjengezi,” yaye xa ulibona nje ilanga usenokuthi, “Thixo, umkhulu kakhulu.! Enkosi ngendalo yakho." INdumiso 145:1-2 ingumzekelo obalaseleyo wendlela yokudumisa uThixo: “Ndiya kukuphakamisa, Thixo wam, wena Kumkani, ndilidumise igama lakho ngonaphakade kanaphakade." Dumisani uThixo namhlanje, yonke imihla!
UKUTHETHA OMNYE KOMNYE
- Ukubhala phantsi uluhlu lwezinto onombulelo ngazo kusitshintshe isimo sakho sengqondo?
- Ukuba ubumdumisa uThixo ngayo yonke into akunike yona, bekungathatha ixesha elingakanani?
- Kungakutshintsha njani ukudumisa uThixo?

IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
![Talking With God In Prayer](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapi.com%2Fhttps%3A%2F%2Fs3.amazonaws.com%2Fyvplans%2F327%2F1280x720.jpg&w=3840&q=75)
Ubomi bosapho buyakwazi ukuxakeka, kwaye singakwazi ukuthandaza ngalo lonke ixesha—singasathethi ke ngokukhumbula ukunceda abantwana bethu bahlakulele isimo sokubandakanya uThixo ebomini babo bemihla ngemihla. Kwesi isicwangciso, usapho lwakho luyakubona indlela uThixo afuna ukuva ngayo kuthi kwakunye nendlela umthandazo ubuqinisa ngayo ubudlelwane bethu Naye, kunye nabantu abasingqongileyo. Usuku ngalunye luquka umthandazo, iSibhalo esifutshane kunye nengcaciso, umsebenzi eninowenza, kunye nemibuzo emaniyi xoxe.
More
Sithanda ukubulela iFocus on the Family ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: www.FocusontheFamily.com