Isikrweqe sikaThixoIsampulu

The Armor of God

Usuku 3 LWE 5

Ijoni laseRoma "Lalibhinqa esinqeni" into efana ngakumbi nombhinqo kune bhanti. (Elamadoda, ndiqinisekile.) Abafundi abaninzi bayangqina ukuba ukogqitha zonke iimpahla zamajoni okanye izixhobo, lombhinqo—nokuhonjiswa kwawo okuntsonkothileyo kunye nemibopho yawo ebanzi—ubonakalisa umehluko phakathi kwejoni nomhlali. Yayingeyonto ikhethwayo, okanye isixhobo esingaphantsi kwezinye ngokubaluleka, njengento ewunothi okanye endinothi ndiyifake kwisinxibo. Yayiyindawo ngobuchule, ekugxilwa kuyo kuqala kwisinxibo salo. Cinga ngalomabhanti okuzikhusela anxitywa esinqeni ngabasebenzi baka UPS® nabakwa FedEx® xa bezakuphakamisa imithwalo enzima. Elibhanti lofele, lomeleleyo lejoni laseRoma lalenzelwe ukuba lijikeleze isiqu lunike inxaso edingekayo ngelixa esenza iintshukumo ezikhawulezileyo nezinzima emfazweni. 

Inyaniso sisixhasi sakho. Inikeza inxaso ebalulekileyo oyidingayo xa uphakathi kwemfazwe kamoya. 

Khumbula, isixhobo esikhulu sotshaba yinkohliso. ubeka isithinzi enyanini ngemibala enomtsalane nehendayo. Usihendela kude nemigaqo ephume elubala. Usasaza iintelekelelo, ezibangela izinto zethutyana nezingabalulekanga zikhangeleke zibaluleke kakhulu kwaye zikhetheka. Indlela azibonakalisa ngazo izinto ikrelekrele kangangokuba ngaphandle kokuba siyayazi inyani—ndithetha ukuba siyayazi nyhani, siyazi ngaphakathi kuthi—sibangamaxhoba amaqhinga akhe lula. 

Inyani—esingayichaza ngokusisiseko njengembono kaThixo kuwo nawuphi na umcimbi—ngumgangatho wethu. Inyaniso yile uThixo ayiyo noko Akutshoyo, esona sishwankathelo silungele thina sesingaphakathi koMntu kaYesu Kristu. 

Inyaniso kaThixo. Inyaniso yeBhayibhile. Ngaphandle kokuzinikela kuyo nokungqina kwalenyaniso—inyaniso yokwenyani—Ushiyeka ubuthathaka kwaye uthambekele kwizinto ezikhangeleka zilungile kwaye zivakala zilungile kodwa ngokwenene zingalunganga. Kodwa ngomgangatho wenyaniso obekiweyo, unokuhlengahlengisa yonke into ebomini bakho—amabhongo akho, imikhethe, nemizwa; ingqondo yakho, intando, iimvakalelo—de zonke zingqamane kakuhle. Xa unesiseko esomeleleyo, esizinzileyo, esixhaswe kakuhle, awunako ukulahlekiswa lula ngamaqhinga obuxoki kamtyholi. Zibhinqise ngenyaniso, kwaye uzikhusele zisuka. 

Uvavanyo lokwenyani luza xa iinjongo neentanda-bulumko zenkcubeko yethu zitshalela kwelinye icala, ukanti sikhethe ukuma somelele kwaye siqine kumgangatho kaThixo ongatshintshiyo. Ixesha lifikile lokuba sibengabasetyhini ababhinqe inyaniso.

Usuku 2Usuku 4

Malunga nesi Sicwangciso

The Armor of God

Iintsuku zonke, kukho imfazwe ekujikelezileyo — Engabonakaliyo, engavakaliyo, kodwa imivumba yayo ivakala kwimibandela yonke yobomi bakho. Utshaba oluzinikeleyo, olungcolileyo lufuna ukutshabalalisa yonke into ebalulekileyo kuwe: Intliziyo yakho, Ingqondo yakho, umtshato wakho, abantwana bakho, abantu odlelana nabo, ukomelela kwakho, amaphupha akho, ikamva lakho. Kodwa imimiselo yakhe yokuhlasela ixhomekeke ekukufumaneni ungalindelanga kwaye ungaxhobanga. Ukuba udiniwe kukuphehluzeliswa nokufunyanwa ungalindelanga, esisifundo sesakho. Utshaba lusilela ngakumbi xa ludibana nenenekazi elivathele umsitho. Isikrweqe sikaThixo, ukwegqitha nje ingcaciso yebhayibhile noluhlu lwamakholwa, sisicwangciso sokugaxela kwaye uziphuhlisele iqhinga eliqinisekisa ukweyisa.

More

Sithanda ukubulela iLifeWay Women ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: https://www.lifeway.com/en/product-family/armor-of-god?vid=armorofgod