Isikrweqe sikaThixoIsampulu
UPawulos wayengaceli ngomthandazo ukuba amakholwa aseEfese afumane intabalala yelifa lobutyebi bakwa moya, iintsikelelo, amandla, nobunganga, kodwa wayefuna ukuba baziqonde ukuba sele izezabo. Njengamakholwa, babe sele benazo ezizinto, njengokuba nathi sinazo. Kodwa de bafikele ekuyazini lonto, izakubenzela ntoni?
Enyanisweni, esisikrweqe sikamoya asichazayo kwabase-Efese 6 yimpinda—yendlela eyahlukileyo yokuchaza—into uPawulos ebekade eyicacisa kwisahluko sokuqala seleta. Babenoku "nxiba" okanye bazi "thabathe” njani izinto ababengaziyo ukuba banazo? Inyathelo lokuqala labo—inyathelo lokuqala lethu—ekusebenziseni izinto zikamoya esizinikiweyo kukuvulwa kwamehlo ethu kamoya ukuze sikwazi ukuzibona kuqala.
Ibali lika-Elisha kunye nesicaka sakhe esingaboni kakuhle kweye-2 yooKumkani 6 lelinye lawona mabali ndiwathandayo eBhayibhileni. Le meko yimfazwe eza kulandela phakathi kokumkani onomsindo wama-Aram nohlanga lwakwaSirayeli.
Umkhonzi ka Elisha watyebisa amehlo. Ekuqaleni, ayebona utshaba kuphela, nto leyo ekusenokwenzeka ukuba yamshiya engenayo enye indlela yokuba enze ngayo izinto ngaphandle kokunkwantya nokuxhalaba. Kodwa ngesiquphe wade walanda ekhondweni lombono wakwa moya oyinyaniso: babebaninzi ngaphezulu kokuba ecinga ababekholo ukumncedisa nokumsebenzela. Into eyayibonwa ngamehlo akhe enyama yayingenakulinganiswa nento ababengayiboni. Umthandazo ka Elisha wamnceda ukuze aqonde izixhobo ababezinikiwe namandla angakubo abalwela kwintshaba zabo.
Ukuze uzithembe kwaye uphumelele, kufuneka ukwazi "ukuyibona"..
Kwabase-Efese 1, uPawulos ugxininisa nje ngezimbalwa izipho uThixo asinike zona. Zininzi ngakumbi, kwaye ngasinye sinxibelelana ngokukodwa nesikrweqe kwakunye nezixhobo zakho zikamoya. Isitshixo sokuqala sokuqonda ukuba zonke zingena njani kwisakhono sakho sokucinezela utshaba ngumbono. Awunako ukuzisebenzisa ukuba awukwazi ukuzazi ngokupheleleyo, ukuba awuqapheli ukuba ziyafumaneka kunye nokubaluleka kwazo ekulweni imfazwe notshaba ngempumelelo.
Uloyiso luqala apha. Luqala namhlanje. Luqala ngomthandazo wokucela umbono. Ke joyina uPawulos ekuceleni iNkosi ukuba ivule amehlo akho ngokuzeleyo ngakumbi ukuze unganeli nje ukubona umsebenzi wotshaba, kodwa ube nokuqonda ngokupheleleyo oko uThixo akunike kona ukuze umhluthe izixhobo kwaye umeyise ebomini bakho.
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Iintsuku zonke, kukho imfazwe ekujikelezileyo — Engabonakaliyo, engavakaliyo, kodwa imivumba yayo ivakala kwimibandela yonke yobomi bakho. Utshaba oluzinikeleyo, olungcolileyo lufuna ukutshabalalisa yonke into ebalulekileyo kuwe: Intliziyo yakho, Ingqondo yakho, umtshato wakho, abantwana bakho, abantu odlelana nabo, ukomelela kwakho, amaphupha akho, ikamva lakho. Kodwa imimiselo yakhe yokuhlasela ixhomekeke ekukufumaneni ungalindelanga kwaye ungaxhobanga. Ukuba udiniwe kukuphehluzeliswa nokufunyanwa ungalindelanga, esisifundo sesakho. Utshaba lusilela ngakumbi xa ludibana nenenekazi elivathele umsitho. Isikrweqe sikaThixo, ukwegqitha nje ingcaciso yebhayibhile noluhlu lwamakholwa, sisicwangciso sokugaxela kwaye uziphuhlisele iqhinga eliqinisekisa ukweyisa.
More