Isikrweqe sikaThixoIsampulu

The Armor of God

Usuku 1 LWE 5

Ezona zinto zihluphayo ebomini—izinto ozivayo ngeemvakalelo zakho ezintlanu zomzimba—ayizongxaki zakho zokwenyani. Yonke into eyenzeka kulomhlaba ubonakalayo, nowenyama inento yokwenza noqhushululu olwenzeka kumhlaba ongabonakaliyo, ilizwe lakwamoya. Utshaba lwakho lokwenyani-umtyholi-lufuna ukuba ungabuhoyi ubunyani bezinto zakwa moya ezingunobangela wezinto ezenzeka kweli lenyama. Ngoba ekubeni wena ugxile kwizinto ozibona ngamehlo enyama, yena uyakwazi ukuqhubeka etyhutyha ngaphantsi kwazo zonke iimeko zobomi bakho. Okukhona ungamhoyanga, kokukhona ekhululeka ukuba enze umonakalo. Utshaba lusenokungabonakali, kodwa aluyontsomi. Ungowokwenene, kwaye uyazingisa kakhulu, esilwa imfazwe rhoqo.

Ukuba likholwa akukuniki khuseleko ekubeni uhlaselwe lutshaba, kodwa kukwenza ukuba ufikelele kumandla kaBawo—Amandla akhe okukukhusela kunye nokubuyisela umva oko kwenziwe kuwe. Ukuba ufuna ukuphumelela umlo—ukuba ufuna ukundi joyina ekutshintsheni izehlo, ekucinezeleni utshaba, kunye nokuphazamisa impembelelo yakhe ebomini bakho—undoqo kukuqonda ukuba uyinxalenye yamandla amakhulu ukogqitha lawo achasene nawe.

UPawulos wabhala eyabase-Efese hayi ukuze atsalele nje ingqalelo kwidabi elenzeka kwelakwamoya, ummandla ongabonwayo, kodwa ngokukodwa ngenjongo yokuba atyhile amandla akhoyo kuye wonke umntu onxulumene noThixo ngoKristu. Kwabase-Efese, uPawulos ubalaselisa eyona nkalo ibalulekileyo nengahoywanga yesikrweqe sakwamoya: umthandazo.

UPawulos wawubalula umthandazo njengento ebaluleke gqitha ukuze soyise amandla kaSathana ebomini bethu, njengoko omnye umphengululi watshoyo, “amaEfese aneendinyana ezingaphezulu ko-55 ekhulwini ngokomlinganiselo ezithetha ngomthandazo” njengamaRoma, eyona ncwadi inde kaPawulos.1 Wada wagqabhuka ethandaza izihlandlo ezininzi ngoxa wayebhala. Kwaye xa ethandaza … yho, unobuchule, eqinisekile ukuba uyabaxelela abafundi bakhe kanye oko akuthandazelayo. Wayesazi ukuba umthandazo wawukwazi ukutshintsha indlela yokuphila ubomi babo bonke. Uloyiso kwimfazwe yakwamoya alunakwahlulwa emthandazweni.

Funda kwabase-Efese 1:18-21 no -3:14-19 . Kuzo zonke izinto ezicelwa nguPawulos, yeyiphi eyona nto iphambili ekufuneka uyicele kuThixo namhlanje? 


Umsebenzi ocatshuliweyo

1. Oka-James E. Rosscup, “The Importance of Prayer in Ephesians,” The Master’s Seminary Journal, Volume 6, Number 1 (Spring 1995), 58.

Usuku 2

Malunga nesi Sicwangciso

The Armor of God

Iintsuku zonke, kukho imfazwe ekujikelezileyo — Engabonakaliyo, engavakaliyo, kodwa imivumba yayo ivakala kwimibandela yonke yobomi bakho. Utshaba oluzinikeleyo, olungcolileyo lufuna ukutshabalalisa yonke into ebalulekileyo kuwe: Intliziyo yakho, Ingqondo yakho, umtshato wakho, abantwana bakho, abantu odlelana nabo, ukomelela kwakho, amaphupha akho, ikamva lakho. Kodwa imimiselo yakhe yokuhlasela ixhomekeke ekukufumaneni ungalindelanga kwaye ungaxhobanga. Ukuba udiniwe kukuphehluzeliswa nokufunyanwa ungalindelanga, esisifundo sesakho. Utshaba lusilela ngakumbi xa ludibana nenenekazi elivathele umsitho. Isikrweqe sikaThixo, ukwegqitha nje ingcaciso yebhayibhile noluhlu lwamakholwa, sisicwangciso sokugaxela kwaye uziphuhlisele iqhinga eliqinisekisa ukweyisa.

More

Sithanda ukubulela iLifeWay Women ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: https://www.lifeway.com/en/product-family/armor-of-god?vid=armorofgod