Imigaqo Yokusebenzisa Ixesha Evela KwiLizwi LikaThixoIsampulu

Time Management Principles From God’s Word

Usuku 1 LWE 6

Ingxaki yethu yoLawulo lweXesha

Ndicelwa iingcebiso ezininzi ngolawulo lwexesha. Hayi ngenxa yokuba esisihloko “ndisazi sonke,” kodwa ngenxa yokuba ndibenexesha elininzi lokuziqhelanisa nokufuna ukulungelelanisa imisebenzi emininzi enemveliso ebomini bam. Ukukongezelela ekubeni yi-CEO yenkampani esakhulayo ephuh;iswa zezobuchwepheshe, ndikwanguye nombhali, ndenza unako-nako ndincedisa amanye amaKristu ukuba angqamanise ivangeli nemisebenzi yabo. Ekhaya, ndingumyeni kwakunye notata weentombi ezimangalisayo ezimbini ezingaphantsi kweminyaka emithathu. Ukuthi ubomi bam buyaphambanisa ngoku yinto encinci. Kodwa ngobabalo lukaThixo kuphela, "ndiyilawula" yonke kwaye ngandlel 'ithile ndilala iiyure ezisi-7-8 ubusuku ngabunye.

Ukulihlengahlengisa kakuhle ixesha lam kudala yaba yinto yam. Ngoba? Kungenxa yokuba iBhayibhile isikhumbuza ngokuphindaphindiweyo ukuba ubomi bethu “bungumphunga obonakala okwethutyana, uze uthi shwaka” (uYakobi 4:14). UThixo usenam nawe kulomhlaba ngesizathu: ukumthanda Yena, ukuthanda abanye, nokwenza abafundi bakaYesu Kristu. Singabantu abanenjongo. Asidalelwanga ukuhlala nje silinde unaphakade. Sibiziwe ukuba sibandakanyeke kwihlabathi, ukudala inkcubeko, ukuvelisa ekukhonzeni iimfuno zabo basingqongileyo ebomini bethu nangomsebenzi wethu. Ngokufutshane, uThixo usibizele ukuba sizimanye naye emcimbini wakhe wokukhulula ihlabathi. 

Ngenxa yobukhulu balomsebenzi nezandla zexesha ezincincizayo, kufuneka sibe ngabona bantu baneenjongo kulo mhlaba, ukuphila ngemvo yongxamiseko esempilweni, sisoloko sijonge ukulisebenzisa kangangoko ixesha elixabisekileyo esilinikiweyo. Yiyo loo nto ufunda esi sicwangciso! Kwiintsuku ezimbalwa ezizayo, siya kungena nzulu eLizwini likaThixo kunye ukuze sityhile imigaqo yolawulo lwexesha ngqo eSibhalweni. Kodwa ndiza kukulumkisa ngoku ukuba le nkqubo ayikho lula. Ukuba bekunjalo, besingayi kuhlala sisokola ngalo lonke ixesha nalengxaki. Ekupheleni kosuku, ulawulo lwexesha oluyimpumelelo luxhomekeka ekukhuthaleni nasekuqeqeshekeni (Izafobe 21:5). Njengoko siza kubona, ukuqeqesheka xa kuthethwa ngexesha kuyakusikhulula sikwazi ukuthatha inxaxheba ehlabathini ngenxa yeNkosi noMsindisi wethu. Ngaba ukulungele ukulisebenzisa ngokupheleleyo ixesha elilinganiselweyo iNkosi ekunike lona? Masiqalise!

Usuku 2

Malunga nesi Sicwangciso

Time Management Principles From God’s Word

Ngaba ukhathazwa kukuba akukho ngaphezu kweeyure ezingama-24 ngosuku? Wonganyelwe linani leeprojekthi ekufuneka uzenzile? Ngaba udinwe kukudinwa nokungabi naxesha laneleyo lokulichitha eLizwini likaThixo nabahlobo nentsapho yakho? Le isenokuba yeyona mizabalazo ixhaphakileyo ehlabathini. Iindaba ezimnandi zezokuba iBhayibhile inikela imigaqo ecacileyo yokulisebenzisa kakuhle ixesha lethu. Esi sicwangciso siya kucacisa ezo ziBhalo kwaye sikunike ingcebiso esebenzayo malunga nokuba ungalisebenzisa njani ixesha elishiyekileyo ebomini bakho!

More

Sithanda ukubulela uJordan Raynor ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: http://www.jordanraynor.com/time/