Imigaqo Yokusebenzisa Ixesha Evela KwiLizwi LikaThixoIsampulu

Time Management Principles From God’s Word

Usuku 6 LWE 6

Yithi Nje Hayi

Njengoko uMarko eqalisa ingxelo yakhe yobulungiseleli bukaYesu, uchaza uMsindisi ekwiphulo lokuphilisa, ekhupha iidemon kwindoda yendlu yesikhungo yaye ephilisa umkhwekazi kaPetros kwikhaya lakhe eKapernahum. Kwangaloo mini ngokuhlwa, “bazisa kuYesu bonke abagulayo nabaphethwe ngamademoni. Yahlanganisana yonke idolophu emnyango waza uYesu waphilisa abaninzi.” 

Akumangalisi ukuba, ngentsasa elandelayo abafundi bagxalathelana kuYesu baza bathi, “Bonke bayakufuna!” Ngokucacileyo idolophu yayifumene amandla angummangaliso kaYesu okuphilisa kwaye yayifuna impinda ngosuku lwesibini. Kodwa uYesu wathi hayi. Kwinto ekusenokwenzeka ukuba yabothusa abafundi bakhe, uYesu wathi, “Masiye kwiidolophana ezikufuphi ukuze ndishumayele kwanakhona. Le nto ndizele yona.”

Esi sesokuqala, kodwa ngokuqinisekileyo ayisosihlandlo sokugqibela sisiva uYesu ethetha igama elithi “hayi” kwiincwadi zevangeli. Kwakutheni ukuze uYesu athi “hayi”? Ngokucacileyo wayenamandla okuphilisa abantu abaninzi ngakumbi. Ngokucacileyo wayenomnqweno wokuphelisa intlungu ebomini baba bantu. Kodwa nangona uYesu esenokuba wayefuna ukuphilisa abantu abaninzi ngakumbi, wayesazi ukuba wayenexesha elisikelwe emhlabeni ukuze azalisekise “injongo yakhe.” UYesu akazange eze emhlabeni ukuze nje aphilise kwaye atyhile ukuba ungubani na. Weza kushumayela ngevangeli elungiselela uMvuzo awayeza kuwenza emnqamlezweni. UYesu wayecace gca kwinjongo yakhe yaye oku kwamkhokelela ekubeni athi hayi kwizinto ezilungileyo ukuze anikele ingqalelo kwinto ebalulekileyo awayeze kuyenza emhlabeni..

Ukuba uYesu wayengenakuthi ewe kuyo yonke into, nathi asinakukwazi ukuthi ewe kuyo yonke into. Mna nawe sinexesha kunye nezixhobo ezilinganiselweyo. Ukwenza uninzi lwexesha eliseleyo, kubalulekile ukuba sicace kakhulu kwinto esikholelwa ukuba uThixo usibizele ukuba siyenze kwaye siziqhelise ukuthi hayi kumathuba esiwanikwayo—nokuba alungile ngokwenene—asiphazamisa emsebenzini wethu obalulekileyo.

Khumbula, uphilela injongo! Ndiyathandaza iZibhalo esiziphononongileyo kwezi ntsuku zintandathu zidlulileyo ziya kusicela umngeni ukuba sibe nobulumko malunga nendlela esilichitha ngayo ixesha elisishiyekeleyo kulo mhlaba, sisebenzisa iiyure zokugqibela ukuthanda uThixo, ukuthanda abanye, nokwenza abafundi bakaYesu Kristu ebomini kunye nasemsebenzini wethu.

Ukuba usonwabele esi sicwangciso sokufunda, uya kukusithanda isicwangciso sokuzinikela sam sa qho ngeveki, siyakukunceda uqhagamshele ngokunzulu ivangeli nomsebenzi wakho. Bhalisela apha.

Usuku 5

Malunga nesi Sicwangciso

Time Management Principles From God’s Word

Ngaba ukhathazwa kukuba akukho ngaphezu kweeyure ezingama-24 ngosuku? Wonganyelwe linani leeprojekthi ekufuneka uzenzile? Ngaba udinwe kukudinwa nokungabi naxesha laneleyo lokulichitha eLizwini likaThixo nabahlobo nentsapho yakho? Le isenokuba yeyona mizabalazo ixhaphakileyo ehlabathini. Iindaba ezimnandi zezokuba iBhayibhile inikela imigaqo ecacileyo yokulisebenzisa kakuhle ixesha lethu. Esi sicwangciso siya kucacisa ezo ziBhalo kwaye sikunike ingcebiso esebenzayo malunga nokuba ungalisebenzisa njani ixesha elishiyekileyo ebomini bakho!

More

Sithanda ukubulela uJordan Raynor ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: http://www.jordanraynor.com/time/